Indlela Yokuqonda IBhayibhile
2. Yifunde Ngengqondo Ephangaleleyo
Ngaba umhlobo wakho wakha wakuxelela izinto ezimbi ngomntu owawungamazi? Ngaba ezo zinto zimbi owawuzixelelwe zakwenza awakwazi ukubona iziphiwo nezinye iimpawu zakhe ezintle xa wawudibana naye? Into efana nale inokwenzeka nangeBhayibhile.
UMPOSTILE uPawulos walumkisa ngento eyayiya kwenzeka ukuba asiyifundi ngengqondo ephangaleleyo iBhayibhile. UPawulos wathi ngamaYuda exesha lakhe: “Ndinikela ubungqina bokuba banenzondelelo kuThixo; kodwa kungekhona ngokolwazi oluchanileyo.”—Roma 10:2.
Amanye aloo maYuda enkulungwane yokuqala ayengayamkeli inyaniso yokuba uYesu wayenguMesiya nangona iZibhalo zesiHebhere zazikhomba ngokucacileyo kuye. UYesu waseNazarethe wazenza zonke izinto ekwakuthiwe zaziza kwenziwa nguMesiya eZibhalweni waza wazalisekisa zonke iziprofeto. Sekunjalo, amaYuda amaninzi omhla wakhe akazange aziqonde iZibhalo kuba aba nenkani.
Sifunda ntoni kuwo? Kubalulekile ukuba siyifunde ngengqondo ephangaleleyo iBhayibhile. Ikhethe okanye inkani inokumenza umntu angayiqondi inyaniso yeBhayibhile.
Ngokomzekelo, unjingalwazi wezifundo zonqulo waseNorth Carolina, eUnited States, wathi iBhayibhile “yincwadi nje ebhalwe ngabantu bechaz’ imbono zabo, zibe ke ezininzi zazo ziphikisana yaye zingenakukunceda ngokupheleleyo ebomini.” Ukuba umntu ebenokufunda iBhayibhile ngathi “yincwadi nje ebhalwe ngabantu,” ngaba ebengayi kuyigatya imigaqo yayo angayithandiyo?
Ngokwahlukileyo koko, iBhayibhile isikhuthaza ukuba sikukhuthalele ukuyifunda. Mayela namaBhereya omhla kaPawulos, iZibhalo zithi: “Alamkela ilizwi ngeyona ntumekelelo inkulu yengqondo, ezincina ngenyameko iZibhalo mihla le mayela nokuba zinjalo kusini na ezo zinto.” (IZenzo 17:11) Njengaloo maBhereya, kusenokufuneka nawe uyifunde ngengqondo ephangaleleyo iBhayibhile. Funda iLizwi likaThixo ngengqondo ephangaleleyo, uze uve isigidimi esimnandi esivela kuMbhali wayo.