IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w09 9/1 iphe. 10-11
  • Wonwabile Nakuba Eyimpula Kalujaca

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Wonwabile Nakuba Eyimpula Kalujaca
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Amanqaku Afanayo
  • Ndingaphinda Ndibe Nguye Nini Uvulindlela Ongumncedani?
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2017
  • Ukwaneliseka Nokupha
    Vukani!—2018
  • “Andizange Ndithandwe Kangaka”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Ukusuka Kudandatheko Ukusa Kulonwabo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
w09 9/1 iphe. 10-11

Ileta Evela EBolivia

Wonwabile Nakuba Eyimpula Kalujaca

EKUBENI ndingumthunywa wevangeli kwilizwe elisakhasayo, ndihlala ndibona abantu abangamahlwempu nabadakumbileyo. Ndikulangazelela gqitha ukubona bonke abantu bekhululekile kule meko. Kodwa ndiyazi ukuba buBukumkani bukaThixo kuphela obuya kuzicombulula ezi ngxaki. Kodwa, izihlandlo ezininzi ndiye ndabona ukuba abantu abathobela iLizwi likaThixo bayonwaba naxa iimeko zimaxongo. USabina ngomnye wabo.

Kwiminyaka eyadlulayo, uSabina, owayefunqule abantwana bakhe ababini, wayebukele njengoko umyeni wakhe wayekhwela ibhasi esiya kufuna umsebenzi obhetele kwelinye ilizwe. Zaqengqeleka iinyanga neminyaka ejonge enkalweni, kodwa akazange abuye. Okoko wemkayo umyeni wakhe, uSabina ebesiwa evuka ezama ukondla iintombi zakhe ezimbini uMilena noGhelian.

Ndaqala ukumbona uSabina ngenye imva kwemini ethengisa kwivenkile kadadewabo. Wayebonakala nakuthathatha ukuba udinwe uyimfe. Ndacela ukubafundisa iBhayibhile, yena neentombi zakhe. Wathi: “Ndiyafuna bona nje qha ingxaki lixesha. Kodwa ungabafundisa bona abantwana.” Ndavuma. Njengoko ndandibafundisa, ndaye ndimazi ngakumbi uSabina nemeko yakhe.

USabina uvuka ngentsimbi yesine ekuseni. Ngoxa iintombi zakhe zisalele, ubeka imbiza yakhe endala emlilweni. Uqala ngokupheka inyama yokwenza iipayi aza kuzithengisa. Intlama aza kwenza ngayo ezi payi ebesele eyixove kwangezolo.

Upakisha kwinqwelo ayibolekileyo zonke izinto aza kuzisebenzisa ebudeni bemini—isambrela, isitovu segesi, itafile, izitulo, iimbiza, ioli, intlama nenyama yokwenza ipayi kuquka iimbombozi zesiselo.

Kuthi kubetha intsimbi yesi-6:00, abe uSabina neentombi zakhe sebelungele ukuhamba. Bafaka iqhaga emnyango baze bangene endleleni. Bonke banxubile yaye akukho uthethayo okanye ohlekayo. Ekuphela kwento abacinga ngayo ngulo msebenzi baya kuwo. Yinto yamihla le ukubukela imiqodi yabantu isiya emsebenzini ngale ndlela. USabina ungomnye wabafazi baseBolivia abavuka ngonyezi baye kuthengisa ukutya kwizitrato zalapho.

USabina neentombi zakhe bafika kwindawo abathengisela kuyo nge-6:30 ekuseni, xa kusithi chapha ilanga. Into yokuqala abayenzayo kukothula izinto zabo balungiselele ukupheka. Kuthi kungekudala libe ivumba elimnandi lepayi eqhotsiweyo sele litsala abo bathengi balambileyo.

Kuthi kusenjalo uve uSabina esithi: “Ufuna zibe ngaphi?” Naye ke umthengi lowo, ekubonakalayo phofu ukuba usozela, uphakamisa nje iminwe emibini aze ke noSabina amnike iipayi zakhe ezimbini eziphuma embizeni. Umthengi ubhatala lo madlana ingephi aze ahambe. Le yinto eza kuqhubeka imini yonke. Zithi zakuphela iipayi, uSabina nabantwana bakhe bayibone egodukayo. Nakuba le nkosikazi ibuya idinwe iyimfe kulo msebenzi, kusafuneka iye kusebenza kwivenkile kadadewayo.

Ukufika kwam kuloo venkile xa ndandiqala ukuya kufundela iintombi zakhe iBhayibhile ndafika sele kubekwe izitulo ezibini ekoneni. Kwasekuqaleni, uMilena noGhelian, ababeneminyaka esi-9 nesi-7 ubudala ngoko, babehlala bendilindile yaye besilungiselela kakuhle isifundo ngasinye. La mantombazana abuntlonirha aya ekhululeka saza saqhelana. Yamvuyisa kakhulu le nto uSabina. Nangona wayesoloko exakekile, zange kube kudala wafuna ukufunda iBhayibhile naye.

USabina waya emthanda uYehova uThixo njengoko lwalukhula ulwazi lwakhe ngeBhayibhile. Waqala ukonwaba, nto leyo awayengayazi. Lo mama owayekade ethengisa esitratweni ngobuso obunxubileyo watshintsha. Waqalis’ ukuzithemba waza wadlamka. Udade wabo wade wathi: “USabina uhlala encumile ngoku, nto leyo wayengayazi.” Nabanye abantu balubona olu tshintsho kuSabina neentombi zakhe. Wade wamazi uThixo, into ekwakukudala eyilangazelela.

Wayekuthanda ukufunda, kodwa ke umsebenzi wakhe wawumenza angakwazi ukuya kwiintlanganiso zamaKristu. Kodwa ke ngenye imini wada waya kwiintlanganiso. Ukususela ngoko akazange abuye ngamva. Ebandleni, wafumana abahlobo bokwenene. Kwakhona wazibonela ngokwakhe ukuba uYehova uyabaxhasa abantu abancama izinto ezithile ukuze bakhonze yena.—Luka 12:22-24; 1 Timoti 6:8.

USabina wayekuthanda ukufunda iBhayibhile yaye efuna ukufundisa abanye naye. Kodwa ke wathi: “Ndiyagubha kukoyika xa kufuneka ndishumayele kwabanye abantu.” Wayezeya esithi: ‘Njengokuba ndingazithembanga yaye ndingafundanga, ndiza kubafundisa njani abanye abantu?’ Kodwa ke ububele awayebenzelwe nendlela obaphucuka ngayo ubomi bakhe zamenza wavuma ukufundisa abanye. Kwakhona waqonda ukuba iintombi zakhe zazijonge umzekelo wakhe. Ngoko ke waqalisa ukufundisa abanye iindaba ezilungileyo. Neentombi zakhe zazeka mzekweni.

Ngoku, uSabina akasenguye umfazi nje ohluphekileyo nowenza umsebenzi oyindinisa. Imeko yakhe yezoqoqosho ayitshintshanga kangako, kodwa ke indlela abujonga ngayo ubomi yona itshintshile. Ekubeni ngoku engumKristu obhaptiziweyo, uxelela abanye iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo, ekuphela kwesicombululo esisisigxina kubuhlwempu obusehlabathini.—Mateyu 6:10.

Yintsimbi yesi-5:00 ekuseni yaye uSabina ulungiselela ukuphuma endlini yakhe. Kodwa namhlanje akayi kuthengisa iipayi. Uya kuhlangana neqela lamanye amaNgqina aza kushumayela nawo esitratweni. Kumonwabisa gqitha ukuchitha ixesha lakhe enceda abanye veki nganye. Utshixa indlu yakhe aze angene endleleni. Akaqhubi nqwelo kodwa uphethe ibhegi eneBhayibhile nezinye iincwadi aza kuzisebenzisa xa efundisa abanye ngoThixo. Etsho ngolungayiwayo uncumo uSabina uthi: “Andizange ndiyiphuphe nokuyiphupha into yokuba ndingaze ndifundise abanye abantu iBhayibhile, kwaye ndiyayithanda.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share