Imibuzo Yabafundi . . .
Kutheni UThixo Efuna Abantu Baphile Ubomi Obungunaphakade?
▪ IBhayibhile ithi uThixo usivulele ithuba lokufumana “ubomi obungunaphakade.” (Yohane 6:40) Yintoni emenza asivulele elo thuba? Ngaba kungenxa yokusesikweni nje kuphela?
Okusesikweni kuthetha ukubaphatha ngendlela efanelekileyo abantu. Ngaba busifanele ubomi? Abusifanelanga. IBhayibhile ithi: “Akukho mntu ulilungisa emhlabeni oqhubeka esenza okulungileyo angoni.” (INtshumayeli 7:20) Isono sihamba nesohlwayo. UThixo walumkisa indoda yokuqala uAdam ukuba yayiza kufa mhla yona. (Genesis 2:17) Kamva umpostile uPawulos waphefumlelwa ukuba abhale athi: “Umvuzo isono esiwuhlawulayo kukufa.” (Roma 6:23) Ukuba yonke inzala ka-Adam ifanelwe kukufa, kutheni uThixo eyivulela ithuba lokufumana ubomi obungenasiphelo?
Ubomi obungunaphakade “sisipho sasimahla.” Sibonisa ubukhulu bothando lukaThixo nobubele bakhe obungasifanelanga. IBhayibhile ithi: “Bonke bonile baza basilela kuzuko lukaThixo, yaye kunjengesipho sesisa ukuvakaliswa kwabo bengamalungisa ngobubele bakhe obungasifanelanga ngako ukukhululwa ngentlawulelo ngoKristu Yesu.”—Roma 3:23, 24.
Nangona sonke sifanelwe kukufa, uThixo wakhetha ukubanika ubomi obungunaphakade abo bamthandayo. Ngaba akukho sikweni oko? IBhayibhile ithi: “Sithini na, ke ngoko? Ngaba kukho okungekho sikweni kuThixo? Nakanye! Kuba uthi kuMoses: ‘Ndiya kuba nenceba kuye nabani na endisukuba ndinenceba kuye, yaye ndiya kubonisa imfesane kuye nabani na endisukuba ndibonisa imfesane kuye. . . Ungubani wena ngokwenene, ukuba ungade uphendulane noThixo?”—Roma 9:14-20.
Kwamanye amazwe, umongameli okanye ijaji iyakwazi ukuxolela isaphuli mthetho esifumene isigwebo esiqatha. Ukuba isaphuli-mthetho siphila ngokuvisisana nemiqathango esiyibekelweyo ibe sitshintsha nendlela esiziphethe ngayo, ijaji okanye umongameli usenokusehlisa isigwebo okanye amxolele ngokupheleleyo. Ngaloo ndlela ebeya kuba usenzela inceba esi saphuli mthetho esifanelwe sisohlwayo.
Ngendlela efanayo, uYehova usenokungabohlwayi ngokwezono zabo aboni. Kunoko, ngenxa yothando usenokubanika ubomi obungunaphakade bonke abo bamthandayo nabaphila ngokuvisisana nemilinganiselo yakhe. IBhayibhile ithi: “Ngokuqinisekileyo ndiyaqonda ukuba uThixo akakhethi buso, kodwa kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.”—IZenzo 10:34, 35.
Esona senzo sibalaseleyo sothando lukaYehova yayikukuthumela uNyana wakhe ukuba aze kubandezeleka aze afe ngenxa yethu. UYesu wathi ngoYise: “Kuba uThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.”—Yohane 3:16.
Bonke abo bamthandayo uYehova baze benze ukuthanda kwakhe uya bamkela uThixo, enokuba banayiphi imvelaphi. Ngaloo ndlela, ithemba lobomi obungunaphakade bububele bukaThixo obungasifanelanga, uthando lukaThixo olugqwesileyo.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 29]
Bububele bukaThixo obungasifanelanga, uthando lukaThixo olugqwesileyo