Ukusoloko Uphaphile Kuba Nemiphumo Emihle
NGABA uwaphaphele amathuba okushumayela anokuvela ngokungalindelekanga kwintsimi yebandla okulo? Abazalwana bethu abangamaKristu abahlala kwisixeko saseTurku, eFinland, esikufuphi nezibuko babonakalisa ukuphapha yaye oko kwaba nemiphumo emihle.
Kwixa elidluleyo, abazalwana baseTurku baphawula ukuba kukho iqela lamadoda aseAsia elifikileyo apho kweso sixeko elize kugqibezela umsebenzi wokwakha inqanawa enkulu yabakhenkethi eyayisakhiwa kwindawo yokwenza nokulungisa iinqanawa. Kamva omnye umzalwana wabona iihotele awayehlala kuzo la madoda. Weva nokuba aba basebenzi balandwa ziibhasi kusasa kwiihotele ababehlala kuzo zibase ezibukweni. Ngoko nangoko waxelela abazalwana abakwibandla lesiNgesi laseTurku.
Abadala belo bandla babona ukuba ukubakho kwabantu basemzini abaninzi ngolo hlobo kuvule ithuba lokuba bashumayele iindaba zoBukumkani kubo, baza balungiselela ukuba kubekho iphulo elikhethekileyo. NgeCawa yaloo veki, abavakalisi abalishumi baya kwisikhululo sebhasi ngentsimbi yesixhenxe kusasa. Ukufika kwabo kwakungabonakali basebenzi. Aba bazalwana bazibuza, ‘Ngaba bethu siphosene nabo? Ngaba bemkile apha eTurku?’ Kwathi kusenjalo, kwavela omnye waba basebenzi enxibe iovaroli. Emva koko kwalandela nabanye. Kungekudala eso sikhululo sazaliswa ngabasebenzi. Abavakalisi abazange baphozise maseko bahambisa iimpapasho zesiNgesi kwabo basebenzi. Abasebenzi bathabatha iyure yonke bengena ezibhasini yaye oko kwanika abazalwana ithuba elaneleyo lokuba bathethe nabaninzi babo. Zathi zihamba ezo bhasi, babe aba basebenzi sele benikwe iincwadana ezili-126 namaphephancwadi angama-329!
Ngenxa yale miphumo mihle, abazalwana baliphinda eli phulo kwiveki elandelayo xa kwakutyelele umveleli wesiphaluka. Nakuba kwakusina imvula ngaloo ntsasa, abazalwana bahlanganisana ngecala emva kwentsimbi yesithandathu, waza umveleli wesiphaluka waqhuba intlanganiso yenkonzo yasentsimini, emva koko abavakalisi abangama-24 baya kwisikhululo sebhasi. Babephethe neencwadi zesiTagalog kuba bafumanisa ukuba abaninzi kwaba basebenzi babevela kwiiPhilippines. Ngaloo ntsasa, aba basebenzi bahamba neencwadi ezisi-7, iincwadana ezingama-69 namaphephancwadi angama-479. Cinga nje indlela abavuya ngayo abazalwana noodade ababekweli phulo!
Ngaphambi kokuba aba basebenzi bagoduke, abazalwana babatyelela kwiihotele ababehlala kuzo ukuze babacacisele ngesigidimi soBukumkani. Abanye baba basebenzi bathi babekhe badibana namaNgqina ngaphambili kwiindawo abasuka kuzo. Aba basebenzi bababulela abazalwana ngokubatyelela xa babelapho eFinland.
Ngaba uwaphaphele amathuba anokuvela kwintsimi yebandla okulo? Ngaba wenza umgudu wokuthetha nabantu abavela kwamanye amazwe? Ukuba uyakwenza oko, nawe unokufumana amava awafunyanwa ngabazalwana bethu baseTurku.
[Imaphu/Umfanekiso okwiphepha 32]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
FINLAND
HELSINKI
Turku
[Inkcazelo]
STX Europe