IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w11 1/1 iphe. 29
  • Umntu WaseMpuma Asiya Kwi-Itali Yamandulo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Umntu WaseMpuma Asiya Kwi-Itali Yamandulo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Amanqaku Afanayo
  • Abavangeli Basemazweni Babenokushumayela Baphele Phi EMpuma?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Inxalenye 6—IGunya Lesithandathu Lehlabathi—IRoma
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Imfazwe KuMbindi Mpuma—Ithini IBhayibhile
    Imixholo Engakumbi
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
w11 1/1 iphe. 29

Umntu WaseMpuma Asiya Kwi-Itali Yamandulo

KWENZEKA njani ukuba umntu waseMpuma Asiya aphelele eRoma kwiminyaka engama-2 000 eyadlulayo? Lowo yayingumbuzo abembi bezinto zakudala abazibuza wona emva kokuba bebone into eyabamangalisayo emazantsi eItali ngowama-2009.

Eli nxiwa yayingamangcwaba aseRoma, eVagnari, ekumgama weekhilomitha ezingama-60 entshona yeBari. Kwafunyanwa amathambo abantu abangamashumi asixhenxe anesihlanu. Athi akuxilongwa kwafunyaniswa ukuba inkoliso yawo yayingawabantu balapho. Kodwa amathambo enye indoda abothusa abaphandi. Amathambo ayo abonisa ukuba unina wayengumntu waseMpuma Asiya.a La mathambo ayebonisa nokuba yayiphila ngenkulungwane yokuqala okanye yesibini Yexesha Eliqhelekileyo. Ngokutsho kwaloo ngxelo, “kubonakala ukuba yayisisihlandlo sokuqala sokuba kufunyanwe amathambo omntu waseMpuma Asiya eRoma.” Yayingubani le ndoda?

Le ngxelo ihlabela mgama isithi: “Ekuqaleni amathambo ale ndoda anokukwenza ucinge ukuba ngawabantu baseTshayina ababerhweba ngesilika kunye neRoma.” Noko ke, kucingelwa ukuba babengekho abarhwebi ababehamba wonke lo mgama weekhilomitha ezingama-8 000 ukusuka eTshayina ukuya eItali kodwa kwakusetyenziswa abantu abahlukahlukeneyo.

Yintoni esinokuyifunda kule ndawo afunyanwa kuyo la mathambo? Mandulo, iVagnari yayiyinxalenye yomhlaba owawuphantsi kweRoma, apho abasebenzi babetshisa iintsimbi baze benze iithayile zodongwe. Inkoliso yabantu ababesebenza apha babengamakhoboka yaye nalo mntu waseMpuma kusenokwenzeka ukuba wayelilo. Ingcwaba lakhe yayingelilo elomntu ofumileyo. Into awayengcwatywe nayo yimbiza kuphela kwaye kwakungcwatywe nomnye umntu phezu kwakhe.

Kutheni lo mntu ebangela umdla? Ukusasazwa kwesigidimi sobuKristu ngenkulungwane yokuqala Yexesha Eliqhelekileyo kwakuxhomekeke kwimigama ababekwazi ukuyihamba abantu belo xesha. Emva kwePentekoste yowama-33 C.E., ingxelo yeBhayibhile ithi iindaba ezilungileyo zafikelela kwiindawo ezikude ngenxa yabantu ababetyelele eYerusalem. (IZenzo 2:1-12, 37-41) Amathambo alo mntu abonisa ukuba abantu ngelo xesha babesuka eMpuma Asiya beze kummandla weMeditera.b

[Imibhalo esemazantsi]

a Amathambo ayo awazange akwazi ukuchaza uhlanga lukayise.

b Kukho nobungqina obubonisa ukuba abantu baseNtshona babesiya eMpuma Asiya. Funda inqaku elithi “Abavangeli Basemazweni Babenokushumayela Baphele Phi EMpuma?” kwIMboniselo kaJanuwari 1 2009.

[Imaphu ekwiphepha 29]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

ROME

Vagnari

Mediterranean Sea

EAST ASIA

PACIFIC OCEAN

[Umfanekiso okwiphepha 29]

Amathambo endoda YaseMpuma Asiya afunyanwa kumangcwaba amandulo AseRoma.

[Inkcazelo]

© Su concessione del Ministero per i Beni e le Attività Culturali-Direzione Regionale per i Beni Culturali e Paesaggistici della Puglia-Soprintendenza per i Beni Archeologici della Puglia

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share