Balivakalisa Ngenkalipho ILizwi LikaThixo!
Inkalipho—nesibindi—ngoxa bejamelene nenkcaso. Ezi ziimpawu ezaboniswa ngamaKristu okwenyaniso, njengoko sifunda ngazo kwincwadi ethi “Ukunikela Ubungqina Obucokisekileyo” NgoBukumkani BukaThixo nethi AmaNgqina kaYehova—Abavakalisi Bobukumkani BukaThixo. Njengamanye amakholwa enkulungwane yokuqala, sithandaza kuYehova sicele umoya wakhe size sicele nokuba asincede silithethe ngenkalipho ilizwi lakhe.—IZe. 4:23-31.
Omnye umzalwana wathi xa wayethetha ngomsebenzi wethu wokushumayela ebudeni bemfazwe yehlabathi yokuqala: “Abakhonzi bakaThixo babemaxhaphetshu besasaza umqulu wesixhenxe weStudies in the Scriptures othi The Finished Mystery. Lo mqulu wasasazwa ngokubanzi ngendlela engathethekiyo. Ngowe-1918, kwakhululwa iKingdom News No. 1. Kwalandela iKingdom News No. 2 eyayichaza isizathu sokuba iThe Finished Mystery ivalwe ngabasemagunyeni. Yona ke yalandelwa yiKingdom News No. 3. Ezi mpapasho zazisasazwa ngokubanzi ludidi lwabathanjiswa abathembekileyo. Kwakufuna ukholo nenkalipho ukusasaza iKingdom News.”
Namhlanje, ngokuqhelekileyo abavakalisi boBukumkani abatsha baye baqeqeshwa kubulungiseleli, kodwa bekungasoloko kunjalo. Ethetha ngokuqala kwakhe ukushumayela ngowe-1922, omnye umzalwana wasePoland ohlala eUnited States wabhala wathi: “Ndathi ndingakwazi ukuhambisa uncwadi yaye ndithetha isiNgesi esaphukileyo, ndahamba ndedwa ukuya kunkqonkqoza kwiofisi kagqirha. Kwavela unesi. Andisayi kuze ndiyilibale loo nto, kuba ndandivuya yaye ndisoyika kwangaxeshanye. Ndathi ndakuvula ibhegi yam yeencwadi, zathi phasalala zonke ezinyaweni zikanesi. Ndemka apho ndiziva ndinenkalipho yaye ndiyibona intsikelelo kaYehova. Ngolo suku, ndakhupha iincwadana ezininzi kweso sitrato samashishini.”
Omnye udade wathi: “Malunga nowe-1933, abazalwana abaninzi babesebenzisa iimoto ezinesandisi-lizwi ukusasaza isigidimi soBukumkani.” Ngenye imini, lo dade ekunye nesinye isibini esitshatileyo esingamaNgqina babeshumayela kwingingqi esezintabeni yaseKhalifoniya, eUnited States. Uthi: “Lo mzalwana sasihamba naye wathatha imoto enesandisi-lizwi waya kuyimisa phezu kwentaba, thina ke sasala ezantsi edolophini. Wathi akuqalisa ukudlala esi sigidimi sirekhodiweyo, saba ngathi sivela ezulwini. Abantu bedolophu bazama ukukhangela lo mzalwana, kodwa abazange bambone. Lathi lakuphela eli cwecwe saya emakhayeni abantu saza sanikela ubungqina kubo. Ndasebenza nabazalwana ababekwiimoto ezimbini ezinesandisi-lizwi yaye ngokuqinisekileyo abantu abaninzi babengafuni ukusiva esi sigidimi. Kodwa kwakunyanzelekile ukuba bazive ezo ntetho kuba isigidimi esasiphuma kwezo moto sasivakala ngokucacileyo ezindlini zabo. Kwakusoloko kucacile ukuba uYehova usebenzisa indlela efanelekileyo ngexesha elililo. Le ndlela yokusebenza yayifuna ukuba sibe nenkalipho kangangoko kunokwenzeka, kodwa yayisoloko iyifeza injongo yayo, yaye igama likaYehova lalizukiswa.”
Ngeminyaka yee-1930 nasekuqalekeni kowe-1940, iigramafoni, neentetho zeBhayibhile ezirekhodiweyo zazisetyenziswa kubulungiseleli. Elinye ibhinqa elingumKristu lathi: “Omnye udade oselula wayekwindlu ngendlu esebenzisa igramafoni. Xa wayemi emnyango edlalela indoda engumnini-mzi, ngendlela eyayilugcwabevu ngayo ngumsindo yayikhaba yaya kuphuma ngevaranda. Akuzange kwaphuke nalinye icwecwe. Amadoda amathathu awayekwilori ekufutshane nawayesitya isidlo sawo sasemini akubona oko kwenzekayo, acela lo dade ukuba awadlalele igramafoni aza acela neencwadi. Oko kwazicima iintlungu zempatho-mbi yendlu engaphambili.” Kwakufuna inkalipho ukunyamezela izilingo ezinjalo.
Kwalo dade wongezelela esithi: “Ndikhumbula sisaqala ukuhambisa amaphephancwadi esitratweni ngowe-1940. Ngaphambi koko, sasiye senze imingcelele ezitratweni. Abazalwana noodade babedla ngokuba yimikrozo, behlise izitrato bephethe izibhengezo ezibhalwe ‘Unqulo Lusisibatha Nesirhintyelo’ nezithi ‘Khonza uThixo noKristu onguKumkani.’ Kwangaxeshanye, sasisipha abantu amaphecana. Kwakufuna inkalipho ukushumayela ngezi ndlela, kodwa zanceda ekwaziseni abantu ngegama likaYehova nangabantu bakhe.”
Omnye udade wathi: “Kwakunzima gqitha ukuhambisa amaphephancwadi kwiidolophana. Ngelo xesha amaNgqina ayechaswa gqitha. . . . Kwakufun’ inkalipho ngokwenene ukuma esitratweni uphethe amaphephancwadi, uthetha amazwi esacetyiswa ukuba siwathethe entsimini. Kodwa sasingafane siphoswe nguMgqibelo. Abantu babesiba nobuhlobo maxa wambi. Sasikhe singqingwe lihlokondiba elinomsindo, yaye ngamanye amaxesha sasiwazimela loo mahlokondiba ukuze siphephe ukwenzakaliswa ngawo.”
Nakuba ayetshutshiswa ebudeni beMfazwe Yehlabathi II, amaNgqina kaYehova ayesenza umsebenzi wawo ngenkalipho. Ebudeni bephulo leentsuku ezingama-43 elaqala ngoDisemba 1, 1940, laya kutsho ngoJanuwari 12, 1941, abavakalisi abamalunga nama-50 000 eUnited States basasaza iincwadana ezimalunga nezigidi ezisibhozo ebudeni bephulo elalibizwa ngokuba Lixesha Lokushumayela “Ngenkalipho.”
Abo sele bengoomakad’ enetha kwintlangano kaThixo balukhumbula kakuhle ucelomngeni abajamelana nalo kwixa elidlulileyo nolwalufuna ukuba babe nenkalipho. Abanye bayakhumbula ukuba kangangeminyaka emininzi inkalipho yabo iye yabonakala kumazwi ababedla ngokuwathetha athi, Qhubani idabi de niye kufika esangweni! Oko kuchazwe kwisigidimi sethu esisinikwe nguThixo kuya kwenzeka ngaphambi kokuphela kwale nkqubo ingendawo yezinto. Noko ke, uYehova uya kusinceda ukuze siqhubeke silivakalisa ilizwi lakhe ngokholo nangenkalipho.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 9]
Inkalipho ibisoloko ifuneka xa kushunyayelwa ngoBukumkani