UYesu Wayezijonga Njani Ezopolitiko?
ABABHALI beencwadi zeVangeli bachaza iziganeko zezopolitiko uYesu awagagana nazo xa wayeshumayela. Ngokomzekelo, kancinane nje emva kokubhaptizwa kwakhe emalunga neminyaka engama-30 ubudala, uSathana uMtyholi wavava uYesu ngesikhundla sokuba ngumlawuli womhlaba. Kamva xa wayeshumayela, isihlwele sabantu sasifuna ukumenza ukumkani. Kamva, abantu bafuna ukuba abe ngumququzeleli wezopolitiko. Wasabela njani uYesu? Makhe sizihl’ amahlongwane ezi ziganeko.
Umlawuli womhlaba. Iincwadi zeVangeli zithi uMtyholi wayefuna ukujizeka uYesu isikhundla sokulawula “zonke izikumkani zehlabathi.” Khawufan’ ucinge nje ngoko ngewayekwenzile ngokubandezeleka koluntu ukuba uYesu wayesamkele eso sikhundla! Nguwuphi umntu otyekele kwezopolitiko obaxhalabele ngokunyanisekileyo abantu obengayi kusamkela eso sikhundla? Kodwa uYesu akazange asithathe eso sikhundla.—Mateyu 4:8-11.
UKumkani. Uninzi lwabantu ababephila ngexesha likaYesu babemfuna naphantsi kwamanzi umlawuli owayeza kulungisa iingxaki zabo zoqoqosho nezopolitiko. Bethe manga ngamandla kaYesu okukwazi ukuphumeza izinto, abantu bafuna uYesu abandakanyeke kwezopolitiko. Wasabela njani? Umbhali wencwadi yeVangeli uYohane uthi: “UYesu, esazi ukuba babesele beza kuza, bambambe bamenze ukumkani, wemka kwakhona waya entabeni eyedwa.” (Yohane 6:10-15) Kucacile, ukuba uYesu akazange avume ukubandakanyeka kwezopolitiko.
Umququzeleli wezopolitiko. Khawuphawule oko kwenzekayo ngaphambi kokuba uYesu abulawe. Abafundi babaFarisi, ababefuna uzimele geqe kuBukhosi bamaRoma, bekunye nabalandeli bakaHerode, iqela lezopolitiko elalixhasa amaRoma, beza kuYesu. Bafuna athathe icala kwezopolitiko. Bambuza enoba amaYuda ayefanele ayihlawule irhafu kusini na.
UMarko wayibhala phantsi impendulo kaYesu ethi: “‘Kutheni nindivavanya nje? Ndiziseleni idenariyo ukuze ndiyikhangele.’ Beza nayo. Yaye wathi kubo: ‘Ngumfanekiso nombhalo kabani na lo?’ Bathi kuye: ‘NgokaKesare.’ Wandula ke uYesu wathi: ‘Buyiselani izinto zikaKesare kuKesare, kodwa izinto zikaThixo kuThixo.’” (Marko 12:13-17) Ithetha ngendlela uYesu awasabela ngayo, incwadi iChurch and State—The Story of Two Kingdoms ifikelela kwesi sigqibo: “Akazange afune ukudlala indima kamesiya wezopolitiko waza ngobunono wabeka nomda wezinto zikaKesare nakwizinto zikaThixo.”
Kodwa iingxaki ezinjengobuhlwempu, ulwaphulo mthetho nokungekho sikweni akazange angazihoyi uKristu. Kangangokuba iBhayibhile ibonisa ukuba wayesikwa yimfesane xa ebona imeko emaxongo ababekuyo abantu. (Marko 6:33, 34) Sekunjalo, uYesu akazange aqalise iphulo lokuphelisa okungekho sikweni, nangona abanye bazama kangangoko ukuba abandakanyeke kwimicimbi yezopolitiko.
Njengoko le mizekelo ibonisa, kuyacaca ukuba uYesu wala kwaphela ukuba nento yokwenza nezopolitiko. Kodwa kuthekani ngamaKristu namhlanje? Afanele enze ntoni?