IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w13 7/1 iphe. 16
  • Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Amanqaku Afanayo
  • Esona Sipho Sikhulu Sivela KuThixo Kukuhlawulelwa Kwezono Zethu
    Isifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Ngubani uYesu Kristu?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Ngubani UYesu Kristu?
    Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo!
  • UYesu Uyasindisa—Njani?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
w13 7/1 iphe. 16

IMIBUZO YEBHAYIBHILE IYAPHENDULWA

Ngaba unokuphila ngonaphakade?

Umntu wokuqala uAdam waphila iminyaka emininzi. Kodwa wafa ekugqibeleni ngoba wayemdala. Ukususela ngoko, abantu akhonto bangayizamanga besilwa ukuguga. Sekunjalo akakho umntu oye wakuphepha ukufa. Ngoba kutheni? UAdam woluphala waza wafa kuba kaloku wona uThixo. Nathi siyoluphala kuba ngenxa ka-Adam sinesono yaye siyafa.—Funda iGenesis 5:5; Roma 5:12.

Ukuze siphile ngonaphakade, simele sihlawulelwe kuqala. (Yobhi 33:24, 25) Intlawulelo lixabiso elihlawulwayo ukuze kukhululwe umntu, ngoko thina sifuna intlawulelo ukuze sikhululwe ekufeni. (Eksodus 21:29, 30) UYesu wasihlawulela ngokufa kwakhe.—Funda uYohane 3:16.

Sinokubufumana njani ubomi obungunaphakade?

Asingomntu wonke oza kukhululwa ekuguleni nasekoluphaleni. Eneneni, abantu abangamthobeliyo uThixo njengoAdam abazokubufumana obo bomi. Ngabaxolelwe izono kuphela abaza kuphila ngonaphakade.—Funda uIsaya 33:24; 35:3-6.

Ukuze sixolelwe simele senze okuthile. Sifanele simazi uThixo ngokuthi sifunde iLizwi lakhe iBhayibhile. Kuyo sifunda ngendlela entle esinokuphila ngayo noko sinokukwenza ukuze uThixo asithande size sifumane ubomi obungunaphakade.—Funda uYohane 17:3; IZenzo 3:19.

Ukuze ufumane ulwazi olungakumbi funda isahluko 3 sencwadi ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?, epapashwe ngamaNgqina kaYehova

Yintoni enokusikhulula ekufeni?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share