IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w15 7/1 iphe. 15
  • Ngaba Ubusazi?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Ubusazi?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Amanqaku Afanayo
  • Izingqusho Ezigxoth’ Ikati Eziko
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
w15 7/1 iphe. 15

NGABA UBUSAZI?

Ayesetyenziswa njani amatye okuguba mandulo?

Amatye okuguba ayesetyenziswa ukuze kucolwe iinkozo zibe ngumgubo wokubhaka isonka. La matye okuguba ayesetyenziswa umhla nezolo ngamabhinqa okanye izicaka kumakhaya amaninzi. Kumaxesha amandulo yayiyinto eqhelekileyo ukuva isandi selitye lokuguba.—Eksodus 11:5; Yeremiya 25:10.

Umfanekiso waseYiputa womntu ogubayo.

Imizobo yamandulo yaseYiputa isibonisa indlela owawusenziwa ngayo lo msebenzi. Iinkozo zazibekwa kwilitye lokuguba elimgobongqo. Umntu wayeguqa phambi kweli litye aze agube ngembokotho. Ngokutsho kwenye incwadi, imbokotho yayinokuba nobunzima beekhilogram ezimbini ukuya kwezine. Xa umntu enokugityiselwa ngayo, wayenokufa.—ABagwebi 9:50-54.

Ilitye lokuguba lalibalulekile kwintsapho, kangangokuba umthetho kaThixo wawukwalela ukuthinjwa kwalo njengesibambiso. IDuteronomi 24:6 ithi: “Malingathinjwa njengesibambiso ilitye lokuguba okanye ilitye lokusila langaphezulu, kuba kukuthimba umphefumlo njengesibambiso oko.”

Athetha ukuthini amazwi athi ‘ukuba sesifubeni’?

Umpostile uYohane ungqendeve esifubeni sikaYesu ngepasika

IBhayibhile ithi uYesu ‘usesifubeni kuYise.’ (Yohane 1:18) Oku kubhekisela kubuhlobo obusondeleyo uYesu anabo noThixo. La mazwi asekelwe kwindlela amaYuda ayeqhele ukuhlala ngayo xa esitya.

Ngemihla kaYesu, xa amaYuda esitya, ayedla ngokuhlala kwiisofa ezijikeleze itafile. Intloko yayisondela ngasetafileni ngoxa zona iinyawo zithe qelele phayaa, engqiyame ngengqiniba yasekhohlo. Le ndlela yokuhlala yayisenza kube lula ukusebenzisa ingalo yasekunene. Enye incwadi ithi, ekubeni ngamnye kubo wayengqiyama ngecala lasekhohlo, “intloko yayisondela esifubeni salowo uhleli ngasemva, kungenxa yoko kusithiwa ‘wayelala esifubeni’ somnye.”

Ukungqiyama esifubeni sentloko-ntsapho okanye salowo unimemileyo kwakuyinto ebalulekileyo nexabisekileyo. Yiloo nto yaba ngumpostile uYohane, ‘umfundi owayethandwa nguYesu,’ owangqiyama esifubeni sikaYesu ngePasika yokugqibela, nto leyo eyenza kwaba lula ukuba aqethuke aze abuze uYesu umbuzo.—Yohane 13:23-25; 21:20.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share