IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w15 8/1 iphe. 7-8
  • Ithemba Ngabafi—Yintoni Enokukwenza Uqiniseke Ngalo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ithemba Ngabafi—Yintoni Enokukwenza Uqiniseke Ngalo?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Amanqaku Afanayo
  • Ithemba Lovuko Liqinisekile!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Siqinisekile Ukuba Luza Kubakho Uvuko!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
  • Ithemba Lokwenene Ngabantu Obathandayo Abafileyo
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
  • Ithemba Lovuko Linamandla
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
w15 8/1 iphe. 7-8

INQAKU ELINGUMXHOLO | NGABA ABAFILEYO BANGAPHILA KWAKHONA?

Ithemba Ngabafi—Yintoni Enokukwenza Uqiniseke Ngalo?

Ngaba bubudenge ukucinga ukuba abafi banokuphila kwakhona? Umpostile uPawulos wayengacingi njalo. Ephefumlelwe wabhala wathi: “Ukuba besithembele kuKristu kobu bomi kuphela, singabona bokusizelwa kubantu bonke. Noko ke, uKristu uvusiwe kwabafileyo, intlahlela kwabalele ekufeni.” (1 Korinte 15:19, 20) Yayikukuvuswa kukaYesu okwaqinisekisa uPawulos ukuba uvuko luza kubakho.a (IZenzo 17:31) Yiloo nto uPawulos wabiza uYesu njengentlahlela, kuba waba ngowokuqala ukuvuselwa kubomi obungenasiphelo. Ukuba uYesu waba ngowokuqala ukuvuswa, kucacile ukuba bakho nabanye abaza kuvuswa.

Ibhinqa eliphethe iBhayibhile evuliweyo kwaye londele phambili

UYobhi wathi kuThixo: “Uya kuwulangazelela umsebenzi wezandla zakho.”—Yobhi 14:14, 15

Nasi esinye isizathu sokuqiniseka ngethemba lovuko. UYehova nguThixo wenyaniso. ‘UThixo akanakuxoka.’ (Tito 1:2) UYehova zange waxoka, ibe akasoze axoke. Angasithembisa ngovuko ade asibonise nendlela aza kulwenza ngayo, kanti akazi kusenza eso sithembiso? Unotshe!

Kwakutheni ukuze uYehova enze ilungiselelo lovuko? Kungenxa yokuba esithanda. UYobhi wabuza: “Ukuba indoda eyomeleleyo iyafa ngaba inokuphila kwakhona? Uya kubiza, ndisabele. Uya kuwulangazelela umsebenzi wezandla zakho.” (Yobhi 14:14, 15) UYobhi wayeyisekile ukuba uBawo onothando wasezulwini wayekulangazelela ukumvusa. Ngaba utshintshile uThixo? “NdinguYehova, anditshintshanga.” (Malaki 3:6) UThixo usakulangazelela ukubona abafi bebuyela ebomini kwakhona, besempilweni yaye bevuya. Nawuphi na umzali onothando oswelekelwe ngumntwana angakuvuyela oku. Umahluko kukuba uThixo unawo amandla okukwenza.—INdumiso 135:6.

Ukufa yingxaki ekhathazayo, kodwa uThixo unesicombululo

UYehova uza kunika uNyana wakhe amandla okuzisa imincili kwabo baye baba sentlungwini yokuswelekelwa ngabantu ababathandayo. UYesu yena uvakalelwa njani ngovuko? Ngaphambi kukuba avuse uLazaro, uYesu wabona intlungu yodade boLazaro nezihlobo zakhe, zaza “zathi waxa iinyembezi” kuye. (Yohane 11:35) Kwesinye isihlandlo, uYesu wadibana nomhlolokazi waseNayin owayeswelekelwe ngunyana okuphela kwakhe. ‘Waba nosizi ngaye, waza wathi kuye: “Musa ukulila.”’ Waza wamvusa lo mfana ngoko nangoko. (Luka 7:13) Ngoko ke, uYesu uba nosizi gqitha xa sifelwa. Uza kuvuya ngeyona ndlela ingathethekiyo xa ejika intlungu ibe luchulumanco emhlabeni ngokubanzi!

Indoda eyanga intwazana yayo

Wakha wafelwa ngumntu omthandayo? Usenokucinga ukuba ukufa yingxaki engenasicombululo. Kodwa sikho, luvuko oluza kuziswa nguThixo esebenzisa uNyana wakhe. Ukhumbule ukuba uThixo ufuna uzibonele eso sicombululo. Ufuna ubekho, uze wamkele abantu obathandayo kwakhona. Khawufan’ ucinge, nilungiselela ukuphila ubomi obungenasiphelo kunye, ningaphindi nahlukane kwakhona!

ULionel ebesithethe ngaye ekuqaleni uthi: “Ekugqibeleni ndafunda ngovuko. Ekuqaleni, kwakunzima ukulukholelwa, kuba ndandingamthembi umntu owayendixelela ngalo. Kodwa ndazijongela eBhayibhileni ndaza ndazibonela ukuba ziyinyaniso! Andikwazi nokulinda oku ukuze ndimbone kwakhona utamkhulu wam.”

Awungethandi ukwazi okungakumbi? AmaNgqina kaYehova angakuvuyela ukukubonisa kweyakho iBhayibhile isizathu sokuba eqinisekile ukuba kuza kubakho uvuko.b

a Ukuze ufumane ubungqina bokuvuswa kukaYesu, funda incwadi ethi: IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? iphepha 78-86, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

b Nceda ufunde isahluko 7 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share