IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • wp17 No. 1 iphe. 3
  • Kutheni Kufuneka Ufunde IBhayibhile?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kutheni Kufuneka Ufunde IBhayibhile?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2017
  • Amanqaku Afanayo
  • Unokwenza Njani Ukuze Kukuncede Ukufunda IBhayibhile?
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
  • Ndinokulwenza Lunandipheke Ngakumbi Njani Ufundo LweBhayibhile?
    Vukani!—2001
  • Zibhokoxe Ekufundeni
    Zuza Kwimfundo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
  • Kutheni Ndimele Ndifunde?
    Vukani!—2006
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2017
wp17 No. 1 iphe. 3
Ibhinqa lithatha iBhayibhile

INQAKU ELINGUMXHOLO | UNOKUFUMANA OKUNINZI XA UFUNDA IBHAYIBHILE

Kutheni Kufuneka Ufunde IBhayibhile?

“Ndandicinga ukuba kuza kuba nzima ukuyiqonda into ethethwa yiBhayibhile.”​—UJovy

“Ndandicinga ukuba iyadika.”​—UQueennie

“Xa ndandibona indlela iBhayibhile enkulu ngayo, ndaphelelwa ngumdla wokuyifunda.”​—UEzekiell

Wakha wacinga ukufunda iBhayibhile kodwa watyhafiswa zezi zinto sithethe ngazo ngasentla? Kwabaninzi kubonakala kunzima ukuyifunda. Kodwa uza kuthini xa uxelelwa ukuba inokukunceda wonwabe uze waneliseke ebomini? Futhi uza kuthini xa ufumanisa ukuba kukho iindlela ezinokukwenza ube nomdla wokuyifunda? Awunamdla wokuva ukuba iBhayibhile inokukunceda njani?

Khawuve ezi zinto zithethwa ngabantu abaqalise ukufunda iBhayibhile yaza yabanceda.

UEzekiel, osekuqaleni kwiminyaka yee-20 uthi: “Kwixa elidlulileyo, ndandifana nomntu oqhuba nje imoto engazazi nalapho aya khona. Kodwa ndathi ndakufunda iBhayibhile, ubomi bam banentsingiselo. Inamacebiso endinokuwasebenzisa kubomi bam bemihla ngemihla.”

UFrieda, naye osekuqaleni kwiminyaka yee-20 uthi: “Ndandikhawuleza ukuba nomsindo. Kodwa ukufunda iBhayibhile kwandinceda ndakwazi ukuwubamba. Loo nto yabangela ukuba abantu bangandonqeni, kangangokuba ngoku ndineetshomi ezininzi.”

UEunice, ibhinqa elikwiminyaka yee-50 uthi xa ethetha ngeBhayibhile, “Indinceda ndibe ngumntu obhetele, nditshintshe imikhwa engathandekiyo.”

Njengabo bafundi nabanye abaninzi, nawe iBhayibhile inokukunceda wonwabe ebomini. (Isaya 48:17, 18) Ezinye izinto enokukunceda kuzo zezi: (1) ukwazi ukwenza izigqibo ezifanelekileyo, (2) uzenzele iitshomi zokwenene, (3) umelane nestres, futhi (4) okona kubaluleke ngaphezu kwazo zonke, ufunde inyaniso ngoThixo. Icebiso eliseBhayibhileni livela kuThixo, ngoko alinakukukhupha ecaleni. UThixo akasoze akulahlekise.

Into ebalulekileyo kukuba uqalise ukuyifunda. Ngawaphi amacebiso anokwenza ungacingi kaninzi ngaphambi kokuba uqalise ukuyifunda futhi ukuthande?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share