Iziqulatho
3 Bazinikela Bengaqhutywa Mntu
IVEKI KAFEBRUWARI 27, 2017 – KAMATSHI 5, 2017
7 “Kholosa NgoYehova, Wenze Okulungileyo”
Eli nqaku lithetha ngendlela umxholo wethu wonyaka ka-2017 osikhuthaza ngayo ukuba sicele uncedo kuYehova xa sineengxaki. Siza kubona kwimizekelo yabantu abathembekileyo ababephila mandulo indlela esinokumthemba ngayo uYehova ngoxa sithatha nawaphi na amanyathelo esinokuwathatha ukuze silungise iingxaki kwaye sincede abanye abantu.
IVEKI KAMATSHI 6-12, 2017
12 Sixabise Isipho Osinikiweyo Senkululeko Yokuzikhethela
Kweli nqaku, siza kufunda ngendlela esinokusixabisa ngayo isipho esisiphiwe nguThixo senkululeko yokuzikhethela ngokusisebenzisa ngendlela emkholisayo. Liza kusinceda sibone nokuba sinokuyihlonela njani indlela abanye abayisebenzisa ngayo inkululeko yabo yokuzikhethela.
IVEKI KAMATSHI 13-19, 2017
17 Kutheni Kufuneka Sithozame?
IVEKI KAMATSHI 20-26, 2017
22 Unako Ukuthozama Kwanaxa Kunzima Ukwenjenjalo
La manqaku aza kusinceda siyiqonde kakuhle le nto kuthiwa kukuthozama. Elokuqala lichaza ukuba kuthetha ntoni ukuthozama, kwaye akuthethi ntoni. Elesibini lona lisifundisa indlela esinokuthozama ngayo kwanaxa kunzima ukuthozama.
IVEKI KAMATSHI 27, 2017 – KA-APRILI 2, 2017
27 ‘Ezi Zinto Zidlulisele Kubantu Abathembekileyo’
Ekubeni isizukulwana ngasinye sithathelwa indawo sesilandelayo, kuye kufuneke umsebenzi obusenziwa ngabantu abadala wenziwe ngabeza emva kwabo. Eli nqaku lithetha ngendlela abanokulwenza kakuhle ngayo olu tshintsho abazalwana abaselula nabasele bekhulile.