IZaziso
● Umnikelo woncwadi ngoSeptemba: Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni ngomnikelo wee-R7,50. Iincwadi ezincinane zii-R3,75. Ngo-Oktobha: Umrhumo kaVukani! ngomnikelo wee-R6,00 okanye weMboniselo ngomnikelo wee-R12,00 okanye yomibini ngomnikelo wee-R18,00. NgoNovemba: Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo nethi Ngaba Ufanele Ukholelwe KuBathathu Emnye? okanye ethi “Uyabona, Izinto Zonke Ndizenza Ntsha,” ngomnikelo wee-R4,50. NgoDisemba: Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile ngomnikelo wee-R7,50.
● PHAWULANI OKU: Umhla ochanileyo wendibano yesithili eRhawutini nguDisemba 20-23, 1990.
● Umveleli owongamelayo okanye uthile owabelwe nguye ufanele ahlolisise iimali zebandla ngoSeptemba 1 okanye ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka emva koko.
● Kubalulekile ukuba abazalwana abaceba ukhenketho bengamaqela amakhulu okanye beqeshe uduladula ukutyelela eBheteli baqhagamshelane ngembalelwano neOfisi YaseBheteli kuqala. Ncedani ninikele inkcazelo ngenani labo bezayo nemihla. Iileta eziya eBheteli zifanele zithunyelwe kwiWatch Tower, Bethel Office, Private Bag 2067, Krugersdorp, 1740. Ngenxa yabantu abaninzi abatyelela eBheteli ngoku kuyimfuneko ukumisela amaxesha okhenketho. La aya kuma ngale ndlela ilandelayo: ngeye-9:00 a.m., ngeye-10:15 a.m., ngeye-11:00 a.m., ngeye-2:00 p.m., neye-3:00 p.m. ebudeni beentsuku zeveki. NgeMigqibelo kuya kukhenkethwa kuphela kusasa ngeye-9:00 a.m. neye-10:15 a.m.
● NgoMgqibelo, ngo-Oktobha 13, 1990, ikhaya laseBheteli nomzi-mveliso ziya kuvalwa ukwenzela ukucocwa, ngoko akuyi kubakho malungiselelo akukhenketha.
● Ebudeni bomjikelo olandelayo wotyelelo lomveleli esiphaluka oqalisa ngoSeptemba 1990, umveleli wesiphaluka uya kuchitha ixesha elithile nonobhala webandla nesicaka semali ukuze bahlolisise iinkqubo zokusingathwa kwemali. Olu ncedo lobuqu oluya kunikelwa ngumveleli wesiphaluka luya kunceda ukuqinisekisa ukuba iimali zebandla zisingathwa ngendlela efanelekileyo ngokwemiyalelo yoMbutho engokunyanyekelwa kweengxelo zebandla.
● Iimpapasho Ezintsha Ezifumanekayo:
Insight on the Scriptures, Umqulu 1 (ibandla nowonke wonke: R18,25; oovulindlela: R15,50)—IsiTaliyane
Watch Tower Publications Index 1986-1989 (ibandla nowonke wonke: R4,00; oovulindlela: R2,50)—isiNgesi
● Iikhasethi Ezintsha Ezirekhodiweyo Ezifumanekayo:
Ialbham YeZibhalo ZesiHebhere—Umqulu 3, IMizekeliso ukuya kuMalaki (isethi yeekhasethi ezili-18 ezikwialbham; ibandla nowonke wonke: R90,00; oovulindlela: R64,00)—isiNgesi