Iindaba Ezingokobuthixo
◆ Siye sanencopho yabantu abali-128 427 ababeze kwiiNdibano Zesithili “Zentetho Enyulu” ezingama-20 ebeziqhutyelwa eMzantsi Afrika, eBotswana, eLusuthu, eMaputo, eNamibia, eSwazini naseSt. Helena. Oku kuye kwangabantu abali-12 032 ngaphezu kwabo babeze kunyaka ophelileyo. Kuye kwabhaptizwa abangama-2835, ulwando lwabangama-510 kunonyaka ophelileyo.
◆ Kuye kwagqitywa iiHolo zoBukumkani ezilishumi elinesibhozo ebudeni bowe-1990. Siyambulela uYehova ngentsikelelo yakhe ndawonye nawo onke amatsha-ntliziyo anomoya ovumayo ngenkxaso yawo. Kusekho imfuneko engxamisekileyo kwimimandla emininzi yentsimi yethu apho iindawo abazalwana bethu abahlanganisana kuzo zingekho kwimeko entle. Iya kwaneliswa njani le mfuneko ngowe-1991? Ngokubhinqela phezulu kweeKomiti Zokwakha Zamabandla; ngokhokelo lobuchule lweeKomiti Zokwakha Zenqila ezingama-22; ngenkxaso engamandla yabo bonke abo bangamagcisa emsebenzini, nangoncedo lothando lwabo bonke abangamatsha-ntliziyo. Masiqhubele phambili nocwangciso lokwakhiwa kweeHolo zoBukumkani!
◆ Kuyakhuthaza ukubona ukuba nakuba eminye imimandla ifikeleleka nzima ngenxa yezixholoxholo, amabandla angama-331 aye anenxaxheba kuhlaselo lomhlaba ongabelwanga bani ngowe-1990. Abavakalisi abali-11 873 baye basebenza iiyure ezili-121 450, basasaza iincwadi ezili-10 405, iincwadana ezingama-38 050, amaphephancwadi angama-65 074, baza bafumana nemirhumo engama-290. Siyabulela, bazalwana noodade!