IZaziso
◼ Umnikelo woncwadi ngoSeptemba: Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni ngomnikelo wee-R7,50. Iincwadi ezincinane zizii-R3,75. Ngo-Oktobha: Umrhumo kaVukani! ngomnikelo wee-R8,50 okanye weMboniselo ngomnikelo wee-R17,00. Umrhumo wonyaka kwiinkupho zakanye ngenyanga nomrhumo weenyanga ezintandathu kwiinkupho zakabini ngenyanga zii-R8,50. NgoNovemba: IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? ngomnikelo wee-R2,60. NgoDisemba: Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile ngomnikelo wee-R8,00.
◼ IINDIBANO ZESITHILI: Ncedani niphawule olu tshintsho lulandelayo:
Septemba 27-29: EWINDHOEK, Khomasdal Community Hall
Oktobha 4-6: ETHEKWINI, Clairwood Racecourse (isiZulu)
Oktobha 18-20: EMGUNGUNDLOVU, Scottsville Racecourse (isiNgesi)
◼ Umveleli owongamelayo okanye ubani okhethwe nguye ufanele abale imali yebandla ngoSeptemba 1 okanye ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka emva koko.
◼ Ncedani niphawule ukuba aya kunyuka amaxabiso azo zonke iimpapasho zethu ukususela ngo-Oktobha 1, 1991. Ngokomzekelo, amaxabiso amatsha amaphephancwadi aya kuba ngama-75c ngombhalo ngamnye kubavakalisi nama-40c koovulindlela. Onke amabandla aya kufumana imibhalo yeCost List ehlaziyiweyo ebonisa amaxabiso amatsha. Omnye umbhalo ufanele uxhonywe ngoko nangoko kwibhodi yezaziso. Sinikhuthaza nonke ukuba niziqhelanise nala maxabiso matsha.
◼ NgoMgqibelo kaOktobha 5, 1991, kuya kuvalwa kwikhaya nakumzi-mveliso waseBheteli ukuze kucocwe, ngoko akuyi kubakho malungiselelo okhenketho.