Ngaba Uyayiqonda Indlela Exabiseke Ngayo?
1 Ukususela ekukhutshweni kwayo ngowe-1978, Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile iye yangqineka isisixhobo esiluncedo kakhulu kubazali nakwabaselula. Kwisebe lethu kuphela kuye kwakhutshwa ezingama-627 846 ukuze zisasazwe. Abazali baye bayisebenzisa ngokunempumelelo gqitha ekufundiseni abantwana babo, yaye ulutsha lwethu oluninzi luye lwabonisa umdla omkhulu wokufunda oko ikuquletheyo.
2 Kutshanje, omnye umzali wabhala oku: “Engekagqibi neminyaka emibini, unyana wethu uVaughan waba nomdla kakhulu kwincwadi yamabali eBhayibhile. Wayeyithanda imifanekiso yaye wayengavumi ukulala de abe ufundelwe ibali elithile kuyo. Xa wayemalunga neminyaka emibini enesiqingatha ubudala, waqalisa ukuphulaphula amabali ayo asekhasethini. Wafunda ukuzifakela nokuziguqulela ikhasethi. Imini yonke wayephulaphula la mabali ewaphindaphinda, kumathuba amaninzi ephulaphula ejonge imifanekiso encwadini yakhe. Ngoku, eneminyaka emine ubudala, uwazi onke amabali ayo. Iindawo ezininzi uzicengceleza ngentloko. Kwakhona uyathanda ukuchazela udade wabo omncinane oneenyanga ezilishumi elinesibhozo ngale mifanekiso yaye naye uyithanda ngokufanayo incwadi yakhe.”
3 Iyonke le mfundiso ibe nawuphi umphumo kulo mntwana oselula? Uyise uthi: “Xa sithetha ngemibandela enjengokuxoka, ukungathobeli neminye, sidla ngokwalathisa uVaughan kwisifundo esixubusha ngomgaqo ophathelele loo mbandela aze ayifumane ingongoma ngoko nangoko. Yaye, kwimithandazo yakhe uye ngoku waqalisa ukumbulela uYehova ngokuthumela uYesu emhlabeni.”
4 Usenokuba wena ngokwakho akunabo abantwana abaselula. Kodwa usenokukwazi ukusebenza nabaselula ebandleni. Ulutsha olungamaKristu luyakhuthazeka xa abakhonzi abamiselweyo ebandleni bebonisa umdla wobuqu kulo. (IMize. 27:23) Ngaba ungachitha ixesha elingakumbi nabaselula, ingakumbi kwinkonzo yasentsimini?
5 Ukunikela incwadi Yamabali EBhayibhile: Ebudeni benyanga kaDisemba, siya kube sinikela Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile. Ekubeni iyimpapasho enomtsalane kakhulu kwabaselula nakwabakhulileyo ngokufanayo, sikhuthaza bonke ebandleni ukuba bachithe ixesha elininzi kangangoko kunokwenzeka entsimini behambisa lo mnikelo.
6 Siyanikhuthaza nina baselula ukuba nenze umgudu okhethekileyo ngoDisemba wokunikela le mpapasho kwabo nifunda nabo ngaphambi kokuqalisa kweeholide zesikolo, nize nisebenze nabazali benu nabanye ebandleni entsimini.
7 Maxa wambi abantwana bafuna nje ukhuthazo oluncinane ukuze bathabathe amanyathelo okuqala okwabelana nabanye ngeendaba ezilungileyo. Oku kwabonwa kumava enkwenkwana eneminyaka emihlanu ubudala nehlala kummandla ongasentshona eKenya eyathi inqwenela ukuba nguvulindlela okhethekileyo. Unina wathi yayingenakuba nguye nkqu novulindlela othe ngxi ekubeni yayingenaso isifundo seBhayibhile. Unina wayicebisa ukuba iqhubele oogxa bayo isifundo ngeNcwadi Yam Yamabali EBhayibhile. Le nkwenkwana eneminyaka emihlanu ubudala yathabatha incwadi yayo Yamabali EBhayibhile yaza yaphuma isiya kubahlobo bayo, ibabizela ukuza kufunda iBhayibhile kunye nayo. Waba yintoni umphumo? Yaqokelela iqela labantwana abalishumi eyayinokufunda nabo. Yayisebenzisa kakhulu imifanekiso, ibabuza imibuzo emininzi egocagocayo, kwanemibuzo yempinda ekupheleni kwesifundo. Xa bengasakhumbuli, yayiwuphinda loo mbandela kunye nabo. Unina uthi ngokwenene kwakuluvuyo ukubona bonke aba bantwana bethe nqwadalala kwibala eliphambi kwendlu befunda kunye! Wavuya ngakumbi unina, kwanebandla, xa wabona abasibhozo baba bantwana besiya kwiintlanganiso zebandla. Abanye ababini babesebancinane gqitha.
8 Bazali, lungiselelani kunye nabantwana benu iintshumayelo ezicetyisiweyo. Bancedeni ukuba basebenzise izibhalo ezikuMxholo Wencoko. Baboniseni abaselula indlela yokugcina ingxelo entle yendlu ngendlu ukuze bakwazi ukubuyela kwabo babonise umdla. Bancedeni baqalise izifundo zeBhayibhile kule ncwadi yaye, ukuba kuyimfuneko, bancedeni sakuba nje sikhona abasiqalisileyo.
9 Uxabiso lwethu ngale mpapasho entle lumele lusishukumisele ukuba siyinikele ngawo onke amathuba avelayo size siyisebenzise ekuqaliseni izifundo zeBhayibhile ezingakumbi ebudeni bukaDisemba.