IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 12/92 iphe. 3-4
  • Impinda Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Impinda Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
km 12/92 iphe. 3-4

Impinda Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo

Impinda zivaliwe iincwadi kumbandela ogutyungelwe kwizabelo zeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo ngeveki kaSeptemba 7 kuse kwekaDisemba 21, 1992. Sebenzisa iphepha elahlukileyo ukuphendula imibuzo emininzi kangangoko unako ngexesha elimiselweyo.

[Phawula: Ebudeni bexesha lempinda ebhalwayo, kunokusetyenziswa iBhayibhile kuphela ekuphenduleni nawuphi na umbuzo. Iimbekiselo ezilandela imibuzo zilungiselelwe ukuba wenze uphando lobuqu. Iinombolo zamaphepha nezeziqendu zisenokungabonakali kuzo zonke iimbekiselo zeMboniselo.]

Phendula nganye kwezi nkcazelo zilandelayo ngokuthi Yinyaniso okanye Bubuxoki:

1. Kuyeyona nto ilungileyo ukuyicengceleza ngentloko intetho khon’ ukuze ungabi naluxanduva lakusebenzisa amanqaku. [sgXO iphe. 63 isiqe. 17]

2. Ukumamela ilizwi lakho elirekhodiweyo kuyanceda ukuze uphucule umgangatho welizwi lakho. [sgXO iphe. 64 isiqe. 3]

3. Asifanele sibe nobuchule xa sithetha namalungu entsapho angakholwayo. [sgXO iphe. 73 isiqe. 12]

4. Ukusebenzisa imibuzo efuna uluvo lomntu kuluncedo gqitha ekufikeleleni intliziyo yomntu. [sgXO iphe. 76 isiqe. 10]

5. Ngokuhlala kumzi wokusabela, umbulali obulele umntu ngengozi uya kwenziwa aqonde ubunzulu boko akwenzileyo nenceba kaYehova ngokumvumela akhuseleke. (Yosh. 20:6) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; kwakhona bona wXO73 11/15 iphe. 512.]

6. Njengoko kuchazwe kwingxelo ekweyaBagwebi 6:37-39, uGidiyon wayelumke ngokugqith’ emgceni. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; kwakhona bona: wXO88 4/1 iphe. 30.]

7. Nangona uManowa engazange ambone ngokoqobo uThixo, wavakalelwa ngaloo ndlela ngenxa yokuba wayebone isithunywa sikaThixo esasiziguqule sanomzimba wenyama. (ABagwe. 13:22) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; kwakhona bona wXO88 5/15 iphe. 23.]

8. Ngokuqhelekileyo uSamuweli noonyana bakhe ababalwa xa kubalwa abagwebi abakhonza emva koYoshuwa. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; kwakhona bona wXO86 6/1 iphe. 31.]

9. Nangona wayengengombingeleli, uSamuweli wenza okufanelekileyo xa wanyusa amadini, njengoko kubhalwe kweyoku-1 kaSamuweli 10:8. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; kwakhona bona w71 iphe. 478.]

10. Ngokunika uDavide iingubo zakhe, ikrele, isaphetha nombhinqo wakhe, uYonatan wabonakalisa ukumamkela uDavide njengalowo uthanjiselwe ukuba ngukumkani nokuzithoba kuye. (1 Sam. 18:3, 4) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO89 1/1 iphe. 24 isiqe. 4.]

Phendula le mibuzo ilandelayo:

11. Kutheni le nto ngokufanelekileyo uYehova wakhupha ummiselo wokuba batshatyalaliswe abanquli bakaBhahali? [siXO iphe. 47 isiqe. 7]

12. Ziziphi iingenelo ezimbini zohlobo lokuthetha kwesihlandlo eso? [sgXO iphe. 60-1 isiqe. 5-7]

13. Bunokuchazwa njani ubuchule? [sgXO iphe. 70 isiqe. 2]

14. Xa sifundisa umntu othile, kutheni simele sizabalazele ukwenza okungakumbi kunokudlulisela nje ulwazi? [sgXO iphe. 75 isiqe. 7, 8]

15. Ngaphandle kokuthetha, yintoni enye ebandakanyekileyo encokweni? [sgXO iphe. 79 isiqe. 3]

16. Ukuba incoko yeqela iyayeka ukuba yeyakhayo, yintoni thina ngokobuqu esinokuyenza ngayo? [sgXO iphe. 84 isiqe. 22]

17. Ngenxa yoko kubhalwe kweyaBagwebi 4:4, ngaba uDebhora angagqalwa njengomnye wabagwebi bakwaSirayeli bamandulo? Cacisa. [Ufundo lweBhayibhi-le lweeveki ngeeveki; bona wXO86 6/1 iphe. 31.]

18. Kwakutheni ukuze uSamson aye kwindlu yehenyukazi kumzi wamaFilisti eGaza? (ABagwe. 16:1) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; kwakhona bona w79 2/15 iphe. 31.]

19. Kwakutheni ukuze uYehova ’azohlwaye ngenxa yokuba enze uSawule alawule nje-ngokumkani’? (1 Sam. 15:10,11) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; kwakhona bona g77 3/22 iphe. 28.]

Fakela igama okanye ibinzana elifunekayo ukuze ugqibezele inkcazelo nganye kwezi zilandelayo:

20. Iziganeko ezingaqhelekanga ezingaphaya kwamandla emvelo ezibhalwe kuYoshuwa 10:10-14 zizikhumbuzo ezinamandla ․․․․․․․. [siXO iphe. 45 isiqe. 23]

21. Ngokuqhelekileyo umlomo womntu umele ube zii-intshi ․․․․․․․ ukusuka kwisandisi-lizwi. [sgXO iphe. 69 isiqe. 19]

22. Ngoncedo lomoya kaThixo, sinokomelela ngokomoya njengokuba wayenjalo ․․․․․․․ ngokomzimba ukuba sithandaza kuYehova size sayame ngaye. [siXO iphe. 50 isiqe. 27]

23. Incwadi kaRute ibalaselisa injongo kaYehova yokuvelisa ․․․․․․․. [siXO iphe. 51 isiqe. 1]

24. Ingxelo ekweyaBagwebi 19:15 ibalisa ngemeko engaqhelekanga yokusilela kwamaSirayeli ukubonakalisa isiko ․․․․․․․.[Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; kwakhona bona w75 iphe. 359.]

25. Umthetho kaThixo ․․․․․․․ awunakubekelw’ ecaleni ngamaxesha ongxamiseko. (1 Sam. 14:31-34) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; kwakhona bona wXO86 9/1 iphe. 25.]

Khetha impendulo echanileyo kwinkcazelo nganye kwezi zilandelayo:

26. Ukubhalwa kwencwadi yaBagwebi kwagqitywa (malunga nowe-1090; malunga nowe-1100; ngowe-1078) B.C.E. [siXO iphe. 46 isiqe. 3 nebhokisi]

27. (URute; uRahabhi; uDebhora) washiya ilizwe lakowabo ukuze abandakanyeke kunqulo lukaYehova ibe wazingqina enyanisekile, ethobela yaye engumsebenzi ozinikela ngokuvumayo. [siXO iphe. 52 isiqe. 9]

28. Ngonyaka (wama-917; we-1017; we-1117) B.C.E., kwabakho inguqulelo ebalulekileyo ekulungelelanisweni kohlanga lwamaSirayeli. [siXO iphe. 53 isiqe. 1]

29. (USamuweli; uGadi; uNatan; uDavide; uSawule) babengababhali beyoku-1 kaSamuweli. [siXO iphe. 53 isiqe. 2]

30. (UManowa; uEli; uSawule) wahlonela amalungu entsapho yakhe ngaphezu kokuhlonela uThixo. (1 Sam. 2:29, 30) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; kwakhona bona wXO87 12/15 iphe. 16 isiqe. 8.]

Ngqinelanisa ezi zibhalo zilandelayo neenkcazelo ezidweliswe ngezantsi:

Yosh. 22:9-31; ABagwe. 8:23; Rute 2:9; 1 Sam. 21:13-15; Efe. 5:3, 4

31. ILizwi likaThixo lisilumkisa ngohlobo lwentetho esimele siyiphephe kubomi bethu bemihla ngemihla. [sgXO iphe. 56 isiqe. 9]

32. UYehova akakholiswa kukuxhatshazwa kwamabhinqa ngokwesini. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; kwakhona bona wXO87 3/15 iphe. 5.]

33. Xa sijamelene neengxaki, uYehova ulindele ukuba sisebenzise amandla ethu engqondo singasuki nje silindele kuye ukuze asilungiselele izinto. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; kwakhona bona wXO87 4/15 iphe. 19 isiqe. 14.]

34. Abantu abangafezekanga bamele basixhathise isihendo sokusebenzisa kakubi igunya. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; kwakhona bona wXO86 8/15 iphe. 11 isiqe. 13.]

35. Ingqiqo iya kusinceda ukuba siphephe ukuzicingela phosakeleyo iintshukumisa zezenzo zabanye. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; kwakhona bona wXO86 11/1 iphe. 23 isiqe. 10.]

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share