Iindaba Ezingokobuthixo
IHong Kong: Ngo-Oktobha kufikelelwe incopho entsha yabavakalisi abangama-2704. Kuyavuyisa ukubona ukuba baqhube izifundo zeBhayibhile ezingama-4043.
IMadagascar: KwiiNdibano zeSithili ‘Zabathwali Bokukhanya’ ezintlanu kuye kwakho abantu abali-10 694, kwabhaptizwa abangama-241. Ababekho baliphinda ngaphezu kwezihlandlo ezibini inani labavakalisi balapho abangama-4542.
EMzantsi Afrika: IBandla laseOttery eKapa neBandla laseCezu eTranskei aqalise unyaka we-1993 ngovuyo olukhulu xa ebenikezela iiHolo zoBukumkani zawo ebudeni beveki yesibini kuJanuwari.
IiNdibano zeSithili ‘Zabathwali Bokukhanya’ ezingama-20 eziqhutywe eMzantsi Afrika nakumazwe angabamelwane zibe nempumelelo engathethekiyo, xa zidibene bekukho kuzo abantu abali-126 703, kwabhaptizwa abangama-2477. Sifuna ukubulela bonke abo baye banikela ngezinto zabo ukuze balungiselele iintswelo zeendwendwe.
ISt. Helena: Abazalwana baye basebenza nzima kakhulu kwiHolo yoBukumkani entsha kwiBandla laseJamestown. Bavuye kakhulu xa le holo ibinikezelwa ngoJanuwari ebudeni botyelelo lomveleli wesiphaluka ovela eMzantsi Afrika.