IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 4/93 iphe. 8
  • Iindibano Zesithili “Zemfundiso YobuThixo” Zowe-1993

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iindibano Zesithili “Zemfundiso YobuThixo” Zowe-1993
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
km 4/93 iphe. 8

Iindibano Zesithili “Zemfundiso YobuThixo” Zowe-1993

1 Siyavuyiswa kukunikela uludwe lwemihla neelwimi eziya kuqhutwa ngazo iiNdibano ZeSithili “Zemfundiso Yobuthixo” Zowe-1993. Ezi ndibano ziya kusivuselela ngokwenene yaye ziya kuba yimbalasane yemisebenzi yethu yobuthixo kowe-1993. Ibandla ngalinye liya kwaziswa ngeleta indibano elimele liye kuyo.

2 Kulo nyaka siya kuba neendibano ezikhethekileyo zezizwe ngezizwe ezine eMzantsi Afrika apho kuya kubakho iindwendwe ezivela kumazwe aphesheya. Ezi ndibano ziya kuqhutywa ngempela-veki enye eRhawutini, ePitoli, eThekwini naseKapa. Noko ke, UCWANGCISO OLUKWALUNYE luya kunikelwa kuzo ZONKE iindibano zethu ukuze abo baye kwezinye iindawo bangaphoswa kuko nakuphi na ukudla kokomoya. Umahluko okhoyo ngowokuba iindwendwe ezivela kumazwe aphesheya ziya kubakho kuphela kwezi ndibano zikhethekileyo zezizwe ngezizwe. Ngenxa yokungabikho kwendawo enkulu ngokwaneleyo yokuhlala neyokulala asikhuthazi amanani amakhulu abazalwana ukuba babekho kwezi ndibano zikhethekileyo zezizwe ngezizwe. Ngokukodwa eRhawutini akuyi kubakho ndawo enkulu ngokwaneleyo. Kwixesha elidluleyo bambi abazalwana baye balungiselela ukuya kwiindibano ezimbini, kwenye besiyela ukusebenza kwenye besiyela ukuya kuphulaphula. Oku kufanelekile. Kwakhona, ukuba indibano ibandla lakho elabelwe kuyo ayizukuba ngolwimi lwakho, ngoko zive ukhululekile ukuya kwenye.

3 Sinengxaki yokungabi nazithethi zaneleyo kwiindibano ezithile. Singakuvuyela ukuba abadala abafanelekayo banokuya kuncedisa kwenye yezi ndibano zilandelayo: (a) Kufuneka izithethi ezithetha isiNgesi eGaborone, kwaManzini, eMonti naseMaseru. (b) EBhayi, eBloemfontein, naseWindhoek kufuneka izithethi ezithetha isiNgesi nesiBhulu. Ncedani niphawule ukuba siceba ukunikela ucwangciso olupheleleyo ngesiNgesi nangesiBhulu eBloemfontein kulo nyaka. (c) ENkowankowa kufuneka izithethi ezithetha isiVenda nesiTsonga. Abadala abafanelekayo abasetyenziswayo kucwangciso lweendibano zesiphaluka bayamenywa ukuba babhalele uMbutho. Ileta yakho ifanele idluliselwe kwikomiti yenkonzo yebandla okulo. Iya kubhala amagqabaza ayo, iyityobele ize ke iyithumele kumveleli wesiphaluka. Umveleli wesiphaluka uya kongezelela olwakhe uncomelo andule ke ayithumele kuMbutho. Ileta yakho ifanele ifike kuMbutho KUNGEKHONA NGEMVA kuka-Agasti 2, 1993.

4 Kulungiselelwe ezi ndibano zilandelayo:

Disemba 2-5:

ESt. Helena, Levelwood Kingdom Hall (isiNgesi)

Disemba 9-12:

EGaborone, National Stadium (aisiNgesi, bisiTswana)

EWindhoek, International Hall, Showgrounds (ucwangciso lweelwimi ezimbini isiBhulu/isiNgesi nesiKwanyama/isiNdonga)

Disemba 16-19:

EBloemfontein, Free State Stadium (cisiBhulu, disiNgesi, eisiSuthu)

EMonti, Jan Smuts Stadium (isiNgesi); Basil Kenyon Stadium (isiXhosa)

EMpangeni, Bhekuzulu Hall, University of Zululand (isiZulu)

ENewcastle, R. K. Rümelin Stadium (isiZulu)

ENkowankowa, Sports Stadium (inxalenye yesiTsonga, isiVenda)

Disemba 23-26:

KaNyamazane, (White River), KaNyamazane Stadium (isiZulu)

ELebowakgomo, Showgrounds (isiPedi)

EMafikeng, University Stadium, University of Bophuthatswana (isiTswana)

KwaManzini, Trade Fair (fisiNgesi, gisiZulu)

EMaseru, National Stadium (inxalenye yesiNgesi, isiSuthu)

EBhayi, Boet Erasmus Stadium (hisiBhulu, iisiNgesi, jisiXhosa)

EMtata, Independence Stadium (isiXhosa)

Disemba 30, 1993–January 2, 1994:

EKapa, Goodwood Showgrounds (kisiBhulu, lisiNgesi, aisiXhosa)

EThekwini, King’s Park Rugby Stadium (bisiNgesi, cisiZulu. Siya kuba nalo nocwangciso lweentetho zezandla.)

ERhawutini, National Exhibition Centre (disiBhulu, eisiNgesi, nenxalenye yesiGrike, fisiPhuthukezi, gisiSuthu, hisiZulu. Siya kuba nalo nocwangciso lweentetho zezandla.)

EPitoli, Showgrounds (iisiBhulu, jisiNgesi, ucwangciso lweelwimi ezimbini isiPedi/isiTswana, kisiZulu)

[Footnotes]

a Oku kubonisa ukuba ucwangciso lulonke luya kunikelwa ngezo lwimi.

b Oku kubonisa ukuba ucwangciso lulonke luya kunikelwa ngezo lwimi.

c Oku kubonisa ukuba ucwangciso lulonke luya kunikelwa ngezo lwimi.

d Oku kubonisa ukuba ucwangciso lulonke luya kunikelwa ngezo lwimi.

e Oku kubonisa ukuba ucwangciso lulonke luya kunikelwa ngezo lwimi.

f Oku kubonisa ukuba ucwangciso lulonke luya kunikelwa ngezo lwimi.

g Oku kubonisa ukuba ucwangciso lulonke luya kunikelwa ngezo lwimi.

h Oku kubonisa ukuba ucwangciso lulonke luya kunikelwa ngezo lwimi.

i Oku kubonisa ukuba ucwangciso lulonke luya kunikelwa ngezo lwimi.

j Oku kubonisa ukuba ucwangciso lulonke luya kunikelwa ngezo lwimi.

k Oku kubonisa ukuba ucwangciso lulonke luya kunikelwa ngezo lwimi.

l Oku kubonisa ukuba ucwangciso lulonke luya kunikelwa ngezo lwimi.

a Oku kubonisa ukuba ucwangciso lulonke luya kunikelwa ngezo lwimi.

b Oku kubonisa ukuba ucwangciso lulonke luya kunikelwa ngezo lwimi.

c Oku kubonisa ukuba ucwangciso lulonke luya kunikelwa ngezo lwimi.

d Oku kubonisa ukuba ucwangciso lulonke luya kunikelwa ngezo lwimi.

e Oku kubonisa ukuba ucwangciso lulonke luya kunikelwa ngezo lwimi.

f Oku kubonisa ukuba ucwangciso lulonke luya kunikelwa ngezo lwimi.

g Oku kubonisa ukuba ucwangciso lulonke luya kunikelwa ngezo lwimi.

h Oku kubonisa ukuba ucwangciso lulonke luya kunikelwa ngezo lwimi.

i Oku kubonisa ukuba ucwangciso lulonke luya kunikelwa ngezo lwimi.

j Oku kubonisa ukuba ucwangciso lulonke luya kunikelwa ngezo lwimi.

k Oku kubonisa ukuba ucwangciso lulonke luya kunikelwa ngezo lwimi.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share