IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 4/96 iphe. 7
  • Izaziso

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Izaziso
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1996
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1996
km 4/96 iphe. 7

Izaziso

◼ Umnikelo woncwadi ngoAprili nangoMeyi: Iphephancwadi IMboniselo noVukani! ngee-R2,00. Xa kuvela ithuba, nikela umrhumo weMboniselo. (Ngokuphathelele amaxabiso, bona iZaziso kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaMatshi 1996.) NgoJuni: Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade ngomnikelo wee-R3,50. NgoJulayi nangoAgasti: Naziphi na kwezi ncwadana zilandelayo zinemifanekiso ezinamaphepha angama-32 ngomnikelo we-R1,00 inye: Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade!, Iyintoni Injongo Yobomi—Unokuyifumana Njani?, Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?, Ngaba Ufanele Ukholelwe KuBathathu Emnye?, Urhulumente Oya Kuzisa IParadisi, “Uyabona, Izinto Zonke Ndizenza Ntsha,” nethi Xa Umntu Omthandayo Esifa. Xa kufanelekile, isenokuhanjiwa nencwadana enemifanekiso ethi Imimoya Yabafileyo—Ngaba Inokukunceda Okanye Inokukwenzakalisa? Ngaba Ikho Ngokwenene?

◼ Kwenziwe uhlengahlengiso kwindlela yokunikezela amaqweqwe amatsha Ofaniso Enkonzo Yobuvulindlela. Ukususela ngoku ukusa phambili, nguMbutho oza kunikezela amaqweqwe amatsha koovulindlela abafudukayo, abatshintsha amagama abo, abalahlekelwe ngamaqweqwe abo, okanye isicelo sokutshintsha isabelo. Onke amaqweqwe angekasebenzi asenokuba unawo unobhala efayileni ufanele awatshabalalise. Ukutshintshwa kwamagama nezabelo ezitsha kuya kusingathwa njengesiqhelo, unobhala uya kubhala inkcazelo efanelekileyo ngasemva kwiNgxelo Yebandla (S-1) yenyanga leyo. Emva koko, uMbutho uya kuthumela ebandleni amaqweqwe amatsha oovulindlela. Ngokuqhelekileyo aya kufika nesazisi sanyanga zonke. Ukuba kukho naluphi na utshintsho nifanele niwuchazele uMbutho ngokukhawuleza ukuze iifayile zethu zigcinwe zichanile yaye zisexesheni. Kwakhona, xa uvulindlela eyiyeka le nkonzo okanye xa eshenxiswa kubuvulindlela, kufanele kuzaliswe ifomu eyi-S-206 ize ithunyelwe kuMbutho ngokukhawuleza.

◼ Yonke imibuzo engemihla neendawo zeendibano zesithili ezikwamanye amazwe ifanele ibhekiswe kwiiofisi zamasebe zaloo mazwe. Iikhelingi zeeofisi zamasebe asehlabathini lonke zifumaneka kwiphepha elingasemva kwi-Yearbook.

◼ Amabandla afanele aqalise ukuodola imiqulu yowe-1995 ye-The Watchtower ne-Awake! Le miqulu iya kufumaneka ngesiJamani, isiNgesi nesiPhuthukezi. Ukuba ibandla lenu linetyala kuMbutho anifanele nithumele iodolo nentlawulo. Iya kufakwa kwityala loncwadi lebandla lenu. De le miqulu ifumaneke ize ithunyelwe, kwii-invoyisi zebandla kuya kubhalwa kuthiwe “Back Ordered.” Amabandla anamatyala ajingayo kwityala lawo loncwadi afanele athumele imali neodolo. Imiqulu zizinto zesitokhwe esiqingqiweyo ibe iya kuba zii-R22,00 umnye kwibandla, kuwonke wonke nakoovulindlela.

◼ Iikhasethi Zevidiyo Ezintsha Ezifumanekayo:

Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade (Umqulu 1, isahluko 1-3; ibandla nowonke wonke: R52,00; oovulindlela: R45,00)—NgesiNgesi ukwenzela abaNgevayo

“Uyabona, Izinto Zonke Ndizenza Ntsha” (ibandla nowonke wonke: R52,00; oovulindlela: R45,00)—NgesiNgesi ukwenzela abaNgevayo

Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni (Umqulu 2; ibandla nowonke wonke: R52,00; oovulindlela: R45,00)—NgesiNgesi ukwenzela abaNgevayo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share