Indibano YeSithili “Yokuba Nokholo KwiLizwi LikaThixo” Yowe-1997
1 Umpostile uPawulos wakhumbuza uTimoti ukuba “sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo.” (2 Tim. 3:16) Ekubeni iLizwi likaThixo liphefumlelwe, sinezizathu ezininzi zokuba nokholo kulo. Umxholo wendibano yesithili yalo nyaka uthi “Ukuba Nokholo KwiLizwi LikaThixo.” Olu cwangciso luza kulomeleza ukholo lwethu eBhayibhileni, enoba sineminyaka emininzi sisenyanisweni okanye sisandul’ ukunxulumana nentlangano kaYehova. Sonke sifanele sicebe ukubakho kulo lonke olu cwangciso. Hayi indlela ekuya kuba lukhuthazo ngayo ukuba abantu abasandul’ ukuba nomdla, ingakumbi abo sifundisisa nabo iBhayibhile, babekho kunye nathi!
2 INdibano Yeentsuku Ezintathu: Kulo nyaka silungiselelwe indibano yesithili yeentsuku ezintathu. Xa kungoku nimele ukuba sele nazisiwe ngendibano eliza kuya kuyo ibandla lenu, yaye nimele nenze amalungiselelo aqinisekileyo okubakho kuzo zontathu iintsuku zocwangciso. Ngaba sele umxelele umqeshi wakho ukuze akunike ikhefu? Ukuba unabantwana abahamba isikolo yaye indibano yenu iza kuba ngexesha lesikolo, ngaba ubachazele kakuhle abafundisi-ntsapho ukuba abantwana bakho baza kungabikho ngoLwesihlanu ngenxa yale nxalenye ibalulekileyo yoqeqesho lwabo lonqulo?—Dut. 31:12.
3 Kwiphepha 9 lesi sihlomelo kukho uludwe lwemihla neendawo zezi ndibano zizayo. Ukongezelela kwisiNgesi, kuza kubakho iindibano ngesiBhulu, isiKwanyama, isiPedi, isiPhuthukezi, isiSuthu, isiTsonga, isiTswana, isiVenda, isiXhosa nesiZulu kuquka iNtetho Yezandla kwiindawo ezintathu. Suku ngalunye olu cwangciso luza kuqala nge-9:30 kusasa luze luqukunjelwe ngeCawa malunga ne-3:20 ngenjikalanga.
4 Yenza Kakuhle Ngokunikela Ingqalelo: Umpostile uPetros wakhumbuza amaKristu enkulungwane yokuqala esithi ayeya kuba enza kakuhle xa enikela ingqalelo kwilizwi lesiprofeto njengakwisibane esikhanya kwindawo emnyama. (2 Pet. 1:19) Kukwanjalo nakuthi. Ukuphila kweli hlabathi lidala lilawulwa nguSathana kufana nokuba sendaweni emnyama. Sinombulelo ke ngoko ngokukhutshwa kobo bumnyama bokomoya. (Kol. 1:13; 1 Pet. 2:9; 1 Yoh. 5:19) Ukuze sihlale sisekukhanyeni, sifanele silugcine lomelele ukholo lwethu ngokunikela ingqalelo kwiLizwi likaYehova eliphefumlelweyo. Indibano yethu yesithili yeli hlobo iza kusikhuthaza senjenjalo kanye.
5 Kusenokufuneka senze unako-nako ukuze sinikele ingqalelo kucwangciso, yaye ngokuqinisekileyo siya kusikelelwa ngokwenjenjalo. Sifanele size endibanweni silele ngokwaneleyo ukuze sikwazi ukuhlala sithe qwaa ebudeni bocwangciso. Suku ngalunye fika kwangexesha endibanweni ukuze ube sesihlalweni sakho xa ucwangciso luqalisa. Emva koko uthelele kwingoma nomthandazo wokuvula ucwangciso losuku ngalunye. Abantu abakhulu bafanele babe ngumzekelo, yaye abazali bafanele babaqeqeshe abantwana babo.—Efe. 6:4.
6 Ukuba sijonga imixholo yeentetho ngaphambi kokuba kuqalise ucwangciso lolo suku, siya kuzama ukucinga ngeengongoma eziza kuveliswa ebudeni bocwangciso olo. Oku kuya kusenza sibe nomdla ngakumbi xa loo mbandela unikelwa. Sisenokumilisela iingqondo kwiingongoma eziya kusinceda sabelane nabanye ngesizathu sokuba sikholelwa kuThixo nakwidinga lakhe elingasokuze lijike lokuvuza abo bamfuna ngokunyamekileyo. (Heb. 11:1, 6) Kunconyelwa ukuba sibhale amanqaku amafutshane aya kusinceda sikhumbule iingongoma eziphambili zocwangciso. Ukuba sibhala amanqaku amaninzi, sisenokuphoswa zezinye zeengongoma ngenxa yokuba sizixakekise ngokubhala.
7 Kunyaka ophelileyo kuye kwaphinda kwabonwa abantu abakhulu nolutsha bezula ngaphandle, yaye bencokola nabanye ngoxa kuqhubeka ucwangciso, kunokuba baphulaphule oko ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ lisilungiselele kona. UYesu wathembisa ukusinika ukutya kokomoya ngexesha elifanelekileyo. (Mat. 24:45-47) Ngoko ke, sifanele sibekho xa kuphakwa oko kutya size singabonakalisi ukungabi naluxabiso. (2 Kor. 6:1) Enye into eyenzekayo yeyokuba xa abanye abantwana bedinwe kukuhlala, basoloko becela ukuya kumagumbi angasese kanti bafuna nje ukuzula esithubeni. Ingqeqesho efanelekileyo yasekhaya iya kubathintela ekuquqeni kumagumbi angasese ngokungeyomfuneko. Maxa wambi, ulutsha oluthe qabavu luhlala lodwa, luncokole, lusebeze luze ludluliselane amaphetshana. Abaselula bethu abajamelana neengcinezelo ezininzi namhlanje, kufuneka banikele ingqalelo kumbandela onikelwayo, bangenzi ezinye izinto ebudeni bocwangciso. Iinkanuko zobutsha ezingavisisaniyo nemigaqo yeBhayibhile zifanele ziphetshwe. (Thelekisa eyesi-2 kuTimoti 2:22.) Ukunikela kwethu ingqalelo xa sisonke, abakhulileyo nolutsha, kuya kumzukisa uYehova kuze kumvuyise.
8 Ukuba kubonakala kuyimfuneko ukuba omnye wabalindi anikele isiluleko kuye nabani na malunga nale mibandela, eso siluleko sifanele samkelwe njengelungiselelo lothando elivela kuYehova. (Gal. 6:1) Sonke sifanele sikhumbule ukuba isizathu sokuba senze unako-nako wokuza endibanweni ‘kukuva size sifunde.’ (Dut. 31:12) Kananjalo, ‘isilumko siza kuphulaphula size siqokele sifunde.’ (IMize. 1:5) Kweli xesha lisaseleyo ngaphambi kokuba niye kwindibano, xubushani njengentsapho ngemfuneko yokuhlala kunye, nihlale ezihlalweni ebudeni bocwangciso nize ninikele ingqalelo epheleleyo, ukuze ningenelwe ngokupheleleyo kucwangciso.
9 Isinxibo Esimkholisayo UYehova: Abantu bakaYehova bakhelw’ umkhanya lilo lonke ihlabathi. (1 Kor. 4:9) Kuzo zonke iindawo siphawulwa ngomlinganiselo wethu omhle wesinxibo nokuzilungisa. Ukusebenzisa imigaqo yeZibhalo ekweyoku-1 kuTimoti 2:9, 10 nekweyoku-1 kaPetros 3:3, 4 kuye kwabangela iinguqulelo ezinkulu kwimbonakalo yabaninzi xa kuthelekiswa nendlela abebejongeka ngayo xa babeqalisa ukunxulumana nebandla lamaKristu. Oku kwahluke mpela kwimilinganiselo yesinxibo nokuzilungisa yehlabathi eya isonakala ngokonakala. Sifanele silumke singafaniselani nehlabathi ngembonakalo—sinxibe ngendlela egabadeleyo, sikhuthaze izimbo zehlabathi kwindlela esizilungisa ngayo iinwele, okanye ukunxiba ngendlela ecel’ injezu. Isinxibo nokuzilungisa kwethu okungumzekelo kufanele kuncede abasebatsha abeze endibanweni babone indlela amaKristu afanele azihombise ngayo.
10 Ngoxa ngokubanzi siye senza kakuhle gqitha kwindibano yonyaka ophelileyo, abanye abazalwana noodade basenengxaki yokunxiba nokuzilungisa ngendlela yehlabathi, ingakumbi ebudeni bexesha abangenzi nto ngalo. Ngoxa silungiselela ukuya endibanweni, sifanele sizihlole ngokuphathelele indlela esinxiba ngayo nesizilungisa ngayo. Bazali, kujongeni oko kuza kunxitywa ngabantwana benu abaselula nabo bakwishumi elivisayo. Qinisekani ukuba asifaniselani nehlabathi ngezimbo zalo ezimbi kwinkangeleko yethu yobuKristu.
11 Hlalani Ninehambo Entle: Ihambo entle iluphawu lwamaKristu okwenyaniso. (1 Pet. 2:12) Naphi na apho sikhoyo—enoba sisendibanweni, kwivenkile yokudlela, kwiihotele naxa siseluhambeni—isimilo sethu sinokunikela ubungqina obuhle size sincede abanye babone indlela ukuba nokholo kuThixo nakwiLizwi lakhe okunokubanceda ngayo abantu. Oku kusenokwenza nabanye bamazi uYehova. (Thelekisa eyoku-1 kaPetros 3:1, 2.) Sinelungelo lokuzukisa uThixo ngehambo yethu. Abaphathi benye ihotele eAlabama, eU.S.A., bathi iindwendwe zethu “lelona qela lilungileyo nelihle abanalo kwihotele yabo.” Baphinda baleka ngelithi: “Kuya kuba lilungelo ukuphinda sibe nani kwixesha elizayo.” Iziko eliququzelela iindibano nabakhenkethi kumntla ntshona weUnited States labhala lathi: “Nyaka ngamnye, inkongolo yeWatchtower Society ilindelwa ngamehlw’ abomvu ngabo bonke abantu ekuhlaleni. Kuluvuyo ngokwenene ukuba namalungu enu; aziphatha ngembeko nangentlonelo engathethekiyo. Abezoshishino balapha bayakuqonda oku yaye bakuxabisa gqitha ukubuya ‘kwentsapho’ yabo nyaka ngamnye.” Kuvuyisa ngokwenene ukufunda iingxelo ezinjengezi, akunjalo na? Noxa kunjalo, kufuneka sihlale siphaphile, ukuze singalonakalisi olu dumo luhle lwabantu bakaYehova.
12 Ungalibali ukuba ukunyengeza amaqithi-qithi kufanelekile xa usenzelwa inkonzo yobuqu, ingakumbi njengoko abaninzi kwabo benza inkonzo kawonke wonke, njengeeweyitala, abasebenzi nabo bakuphathisa iimpahla ehotele, ubukhulu becala bexhomekeke ekunyengezelweni amaqithi-qithi ukuze baziphilise. NjengamaNgqina kaYehova, sifuna ukubonakalisa isimilo nakule nkalo.—Bona uVukani! (wesiNgesi) kaJuni 22, 1986, iphepha 24-7.
13 Ukugubungela Iindleko Zendibano: Sonke siza kudleka ngokuya ezindibanweni. Kukho ezinye iindleko esithi senze kakuhle ukucinga ngazo. Iindawo ezisetyenziselwa iindibano ziziindleko. Kukho nezinye iindleko ezimele zigutyungelwe. Iminikelo yethu yokuzithandela yesisa ezindibanweni ixatyiswa gqitha.—IZe. 20:35; 2 Kor. 9:7, 11, 13.
14 Izihlalo: Imiyalelo ebinikelwa kangangeminyaka emininzi iseza kuqhubeka isebenza, eyile, IZIHLALO ZISENOKUGCINELWA KUPHELA AMALUNGU ENTSAPHO YAKHO NABASENOKUBA BAHAMBA NAWE KWINQWELO-MAFUTHA YAKHO. Kuhle ukubona ukuba abangakumbi bayayithobela le miyalelo kwiminyaka yakutshanje, yaye oku kuye kwalwandisa uthando olubonakala ezindibanweni. Kwinkoliso yeendawo ezinye izihlalo zikufutshane kunezinye. Niyacelwa ukuba nibonise ulwazelelelo, nize nishiye izihlalo ezikufutshane ngakumbi ukwenzela abo iimeko zabo zisenokufuna bahlale kuzo.
15 Iikhamera Nezixhobo Zokurekhoda: Iikhamera nezixhobo zokurekhoda zisenokusetyenziswa ezindibanweni. Noko ke, xa sizisebenzisa asimele siphazamisane nabanye. Asifanele siphithizele ebudeni bocwangciso sifota, njengoko oko kunokuphazamisa abanye abazama ukunikela ingqalelo kucwangciso. Akukho zixhobo zokurekhoda zimele zixokonyezelwe kumbane okanye kwizandisi-lizwi, yaye ezi zixhobo azifanele zixabe indlela okanye zisithe abanye.
16 Uncedo Lokuqala: ISebe Loncedo Lokuqala leleemeko zongxamiseko kuphela. Alikwazi kunyamekela abantu abanezigulo ezingapheliyo. Kungeso sizathu le nto ufanele uqwalasele iintswelo zempilo yakho nezentsapho yakho kwangaphambili. Nceda uziphathele ezakho iipilisi zeentlungu, amayeza esisu ancedisana nenkqubo yokwetyisa, amabhandeji, izipeliti, nezinto ezinjengezo, njengoko zingayi kufumaneka endibanweni. Nabaphi na abaziwayo ukuba banengxaki yokuxhuzula, iinkathazo zeswekile (insulin shock), iingxaki zentliziyo njalo njalo, bafanele bazilungiselele kwangaphambili iintswelo zabo kangangoko kunokwenzeka. Bafanele babe namayeza afunekayo, yaye kufanele kuhlale kukho ilungu lentsapho okanye elebandla eliziqondayo iingxaki zabo ukuze linikele naluphi na uncedo olufunekayo. Kuye kwavela iingxaki kwiindibano xa abantu abaneengxaki zempilo ezingapheliyo beshiywa bodwa baze bavukwe zizigulo zabo. Kuye kwafuneka iofisi yolawulo yendibano ibize iinkonzo zonyango zongxamiseko ukuze zibase esibhedlele. Ukuba kukho abathile abaneetswelo zempilo ezikhethekileyo abangenamalungu entsapho anokubanceda, kufanele kwaziswe abadala bebandla labo ukuze benze amalungiselelo okubanceda. Akuyi kulungiselelwa magumbi asecaleni kwiindibano ukwenzela ukufaka abo bangalungelwa yimeko-bume ethile.
17 Ukudla Endibanweni: Ekubeni lingasekho isebe lokudla ezindibanweni abaninzi ngakumbi abenzi nto ebudeni balo lonke ucwangciso nto leyo ebenza banikele ingqalelo kukudla kokomoya. Siye safumana amagqabaza amaninzi oxabiso ngenxa yeli lungiselelo ukususela ekusungulweni kwalo. Sonke sifanele silungiselele ukuza nokwethu ukudla okulula nokunesondlo ukwenzela ikhefu lasemini, njengoko kwacetyiswayo kwisihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaOktobha 1995, isiqendu 26. Akumele kuziwe nezinto zegilasi okanye iziselo ezinxilisayo kwindawo enendibano. Iimantyi zifanele zibe ncinane ngokwaneleyo kangangokuba zibe nokungena ngaphantsi kwesihlalo sakho. Abanye babaphulaphuli baye babonwa besitya yaye besela ebudeni bocwangciso. Leyo ke into yona kukungabi nantlonelo. Kwiindawo ezineendibano apho kukho abantu abathengisa ukutya okanye ngaphandle kuyo, abanye abazalwana baye babonwa bethenga kwezo ndawo ebudeni bocwangciso. Ayintlanga tu loo nto.
18 Sinoxabiso ngokwenene ngesidlo sethu sokomoya kunye nemeko-bume ezolileyo neyoxolo yobudlelane ebudeni bekhefu elifutshane lasemini. Ngokuvisisana nenjongo yeli lungiselelo, kunokuba nimke kwindawo enendibano ebudeni bekhefu niye kuthenga ukudla, niyacelwa ukuba niziphathele ukudla kwenu. Ngokwenjenjalo, niya kuba nexesha elingakumbi lokunandipha ubudlelane nabazalwana noodade wenu.
19 Hayi indlela esivuya ngayo kuba iiNdibano ZeSithili “Zokuba Nokholo KwiLizwi LikaThixo” sele kumbovu ukuba ziqalise! Sonke sifanele siqiniseke ukuba siwenzile amalungiselelo okubakho kulo lonke ucwangciso, ukuze sinandiphe esi sidlo sokomoya sipheleleyo sisilungiselelwe nguYehova ngentlangano yakhe. Siya kuthi ke ngaloo ndlela ‘sixhotyiselwe wonke umsebenzi olungileyo’ kwimihla ezayo.—2 Tim. 3:17.
[Box on page 10]
Emasikukhumbule Ngendibano YeSithili
Ubhaptizo: Abo Baza Kubhaptizwa Bafanele Babe Kwiindawo Zabo Ngaphambi Kokuqalisa Kocwangciso Ngomgqibelo Kusasa. Ngamnye Oceba Ukubhaptizwa Ufanele Eze Nempahla Yokuqubha Endilisekileyo Kunye Netawuli. Kwixa Elidluleyo Abanye Baye Banxiba Impahla Engandilisekanga Nengasifanelanga Kwaphela Eso Sihlandlo. Abadala Bebandla Abahlolisisa Imibuzo Ekwincwadi Ethi Ubulungiseleli Bethu Kunye Nabantu Abaza Kubhaptizwa Kuya Kufuneka Baqiniseke Ukuba Ngamnye Wabo Uyaziqonda Ezi Ngongoma. Emva Kwentetho Yobhaptizo Nomthandazo Wesithethi, Usihlalo Wocwangciso Uya Kunikela Imiyalelo Emifutshane Kwabo Baza Kubhaptizwa Aze Abize Ingoma. Emva Komgca Wokugqibela, Abalindi Baya Kwalathisa Abo Baza Kubhaptizwa Kwindawo Yokuntywiliselwa. Ekubeni Ubhaptizo Olungumfuziselo Wokuzahlulela Komntu Lungumbandela Wobuqu Womntu Lowo NoYehova. Ngaloo Ndlela, Akufanelekanga Ngabo Babhaptizwayo Ukugonana Okanye Ukubambana Ngezandla Xa Bebhaptizwa.
Amaqweqwe Eebheji: Ncedani nifake iqweqwe lebheji lowe-1997 endibanweni nasendleleni eya nebuya kwindawo enendibano. Oku kudla ngokusivulela amathuba okunikela ubungqina obuhle ngoxa siseluhambeni. Amaqweqwe eebheji nezingxobo zawo nifanele niwafune ebandleni lenu, njengoko engayi kufumaneka endibanweni. Musani ukulinda kude kube ziintsuku ezimbalwa ngaphambi kwendibano ngaphambi kokuba nicele amaqweqwe enu neentsapho zenu. Ningalibali ukuphatha iqweqwe iAdvance Medical Directive/Release yakutshanje.
Amagumbi: Sicela intsebenziswano yabo bonke abasebenzisa iSebe Lamagumbi. Oonobhala bamabandla bafanele baqinisekise ukuba iifomu zeZicelo Zamagumbi zithunyelwa ngokukhawuleza kwikhelingi echanileyo yendibano. Ukuba akuzi kuphumelela kwindawo oyilungiselelwe liSebe Lamagumbi, ufanele ngokukhawuleza wazise umninimzi okanye ihotele neSebe Lamagumbi lendibano ukuze elo gumbi linikwe omnye umntu.
Iingoma: Njengoko ukucula kuyinxalenye yonqulo lwethu siyanikhuthaza nonke niqhelisele ezi ngoma zilandelayo eziya kuba yinxalenye yocwangciso: 155, 46, 138, 183, 43, 180, 156, 130, 13, 98, 164, 160, 195, 144, 77, 4, 191 neye-10.
Iinqwelana Zabantwana: ISebe Lomlilo lincomela ukuba ezi zinto zingangeniswa eholweni okanye zibekwe epasejini okanye phakathi kwezihlalo. Ekubeni izihlwele zabantu zisenokuxinana, ezi nqwelana zabantwana zisenokuba yingozi kungekuphela nje kusana kodwa nakumntu onokukhubeka kuzo. Ngoko ncedani ningazingenisi eholweni. Noko ke, izihlalo zeentsana okanye ezo zilungiselelwe iinqwelo-mafutha zamkelekile, ekubeni zisenokubotshelelwa ezihlalweni ecaleni kwabazali. Intsebenziswano yenu kulo mbandela iya kuxatyiswa.
Inkonzo Yamatsha-ntliziyo: Ngaba ungabekela ecaleni ixesha elithile endibanweni ukuze uncedise kwelinye lamasebe? Ukukhonza abazalwana bethu, kwanokuba ziiyure nje ezimbalwa, kunokuba luncedo kakhulu kuze kusenze saneliseke ngokwenene. Ukuba unokunceda, nceda uye kwiSebe Lenkonzo Yamatsha-ntliziyo endibanweni. Abantwana abangaphantsi kweminyaka eli-16 ubudala nabo banokuba negalelo ngokusebenza phantsi kolwalathiso lomzali okanye lomntu onenkathalo.
Izilumkiso: Hlala uziphaphele iingxaki ezisenokuvela ukuze uphephe ubunzima obungeyomfuneko. Amasela nabantu abangaqondakaliyo badla ngokuxhaphaza abantu abasuka kude namakhaya abo. Qiniseka ukuba inqwelo-mafutha yakho itshixiwe ngamaxesha onke, ibe ungaze ushiye nantoni na ibonakala enokutsala umntu aqhekeze. Amasela nabakhuthuzi bathanda iindawo ezinabantu abaninzi. Akuyi kuba bubulumko ukushiya izinto zakho ezixabisekileyo esihlalweni. Akunakuqiniseka ukuba wonke umntu okhoyo ngumKristu. Kutheni ubahenda nje? Siye safumana iingxelo zamalinge abantu bangaphandle okuba abantwana. ABANTWANA BAKHO MABAHLALE BEPHAMBI KWAKHO NGAMAXESHA ONKE.