IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 11/98 iphe. 1
  • Bonke Bamele ‘Balamkele Ngovuyo ILizwi’!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Bonke Bamele ‘Balamkele Ngovuyo ILizwi’!
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1998
  • Amanqaku Afanayo
  • Fikelela Intliziyo Yomntu Omqhubela Isifundo SeBhayibhile
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Indlela Yokwenza Abafundi Ngencwadi Ethi Ulwazi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1996
  • Yintoni Onokuyenza Ukuze Uncede Umntu Omfundelayo Ade Abhaptizwe?​—Inqaku Lokuqala
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
  • Nceda Umntu Omfundelayo Abhaptizwe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2021
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1998
km 11/98 iphe. 1

Bonke Bamele ‘Balamkele Ngovuyo ILizwi’!

1 Izigidi zabantu zifundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Ukuze zifanelekele ubomi obungunaphakade, zimele ‘zilamkele ngovuyo ilizwi,’ njengokuba benzayo abangama-3 000 abaguqukayo baza babhaptizwa ngomhla wePentekoste yowama-33 C.E. (IZe. 2:41) Ziziphi iimbopheleleko eziziswa koku kuthi namhlanje?

2 Kufuneka sincede izifundo zethu zeBhayibhile zizinikele ngakumbi kuYehova. (1 Tim. 4:7-10) Ukuze senjenjalo, isihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJuni 1996, isiqendu 20, sithi: “Ebudeni balo lonke ixesha lokuqhutywa kwesifundo, khangela amathuba okwakha uxabiso ngeempawu zikaYehova. Zityand’ igila ngendlela ovakalelwa ngayo ngoThixo. Mncede umfundi acinge ngokuhlakulela ulwalamano olufudumeleyo nolobuqu noYehova.”

3 Ucelomngeni Esijamelene Nalo: Iphenjelelwa lunqulo lobuxoki, inkoliso yabantu yanelisekile luhlobo lonqulo olungafuni xesha namgudu ungako, nolungabutshintshi kangako ubomi bayo. (2 Tim. 3:5) Sijamelene nocelomngeni lokunceda izifundo zethu zeBhayibhile zibone ukuba unqulo lokwenyaniso lubandakanya okungakumbi kunokuba ngabaphulaphuli nje belizwi likaThixo. Zifanele zikusebenzise kubomi bazo oko zikufundayo. (Yak. 1:22-25) Xa kukho okuthile kwihambo yazo okungamkelekanga kuThixo, kufuneka zikhumbule imbopheleleko yazo yokuba “ziguquke” zize zenze okulungileyo ukuze zimkholise. (IZe. 3:19) Ukuze zifumane ubomi obungunaphakade, kufuneka ‘zizibhokoxe ngamandla’ zize ziyimele ngokungaxenga-xengiyo inyaniso.—Luka 13:24, 25.

4 Xa nixubusha iinkalo ezahlukahlukeneyo zokuziphatha, buza isifundo sakho seBhayibhile indlela esizijonga ngayo noko sifanele sikwenze xa sibona imfuneko yokwenza utshintsho ebomini baso. Yalathisa ingqalelo yaso kwintlangano esifundisa inyaniso, yaye sikhuthaze ukuba siye rhoqo kwiintlanganiso zebandla.—Heb. 10:25.

5 Masikwenze usukelo lwethu ukufikelela intliziyo yomfundi ngeemfundiso zethu. Siya kuvuya njengoko sikhuthaza abasebatsha bamkele ilizwi likaThixo ngovuyo baze babhaptizwe!—1 Tes. 2:13.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share