Iindaba Ezingokobuthixo
EMzantsi Afrika: Kuye kwanikezelwa iiHolo zoBukumkani ezingakumbi ezilishumi, ezizezi: E-Elandskraal (emzantsi-ntshona Pitoli), Ezibeleni (eKomani), eKagiso West (eKrugersdorp), eRamotse (emntla Pitoli), eSebokeng East (eVanderbijlpark), eSwellendam (eNtshona Koloni), naseDiepdal, Elukwatini, eFernie West, naseMayflower (eMpumalanga). Oku kwenza isimbuku seeholo ezinikezelweyo kulo nyaka wenkonzo zibe ngama-37, inani elinkqenkqeza kwindawo yesibini leeholo ezinikezelweyo kunyaka wenkonzo omnye.
Sith’ enkosi ngomoya omhle wokuzincama oboniswa ziiKomiti Zenqila Zokwakha ezingama-20 nabo bonke abasebenzi bokuzithandela. Bachitha iiyure ezininzi besakha ezi holo yaye bahamba iikhilomitha ezininzi, iveki emva kweveki, ukuze bagqibe wonke lo msebenzi. Abanye banikela rhoqo yaye nako oku kuyancomeka. Sithandazela intsikelelo kaYehova eqhubekayo kwimigudu yabo.
Kukho iiHolo zoBukumkani ezingama-33 ezakhiwayo yaye zifanele zigqitywe zize zinikezelwe ebudeni bonyaka wenkonzo we-1999. Ukuba awukayincedisi iKomiti Yenqila Yokwakha yasekuhlaleni, nceda uzalise ifomu iKingdom Hall Construction Questionnaire (iS-82) uze uyibuyisele kumveleli owongamelayo.