Iindaba Ezingokobuthixo
◼ EMzantsi Afrika: IiNdibano zeSithili ‘Zelizwi LikaThixo Lesiprofeto’ zazisemagqabini. Isimbuku sababekho eMzantsi Afrika nakumazwe angabamelwane sasili-140 835, kwaza kwabhaptizwa abangama-2 443. Sivakalisa uxabiso lwethu ngokuzibhokoxa kweeKomiti zeNdibano nabo baye banikela ngeenkonzo zabo ngokuzithandela ukuze ezi ndibano ziphumelele.
Unyaka wenkonzo wama-2000 uqalise amabandla amaninzi esebenza umhlaba ongabelwanga bani. Siyavuyiswa kukunazisa ukuba isimbuku sabavakalisi abangama-5 580 bahambise isimbuku seencwadi, iincwadana ezinemifanekiso namaphephancwadi angama-45 545 kubantu abanomdla, baze bachitha iiyure ezingama-48 210 kulo msebenzi uvuzayo. Amabandla alishumi athetha isiNgesi ngokuzithandela avumile ukusebenza namabandla asemaphandleni, athetha iilwimi zomthonyama. Kwahle kwacaca ukuba eli lungiselelo laba yingenelo engathethekiyo kubo bonke abazalwana abebebandakanyekile. Elinye ibandla lanikela ingxelo yokuba “intsabelo yabantu basekuhlaleni yayintle, ekubeni babebona abazalwana noodade, abaselula nabakhulileyo, abamnyama nabamhlophe, besebenza kunye.” Kukho ithemba lokuba abazalwana noodade abaninzi baya kuzenza bafumaneke nakwiphulo lalo nyaka.