Ilungelo Labaselula
1 Uninzi lwabo bangabazali ngoku ngemincili lukhumbula ilungelo elalilinandipha xa lalingabantwana ababekhulela enyanisweni—umsebenzi woSuku Lwamaphephancwadi. Loo msebenzi wamiselwa kuwo onke amabandla emva phayaa ngowe-1949. Usuku olunye ngeveki, wonke ubani wayeza kunikela ingqalelo ekusasazeni IMboniselo noVukani! ezitratweni, kwindlu ngendlu, kwiivenkile ngeevenkile nangezinye iindlela. Abavakalisi abaselula babekhangela phambili ekubeni nenxaxheba kulo msebenzi kuba wawubanika ithuba lokuba nenxaxheba kumsebenzi ofanayo nalowo wabantu abakhulu ebandleni. Ngaba kwakunjalo nangawe xa wawungumntwana?
2 Bandakanya Abantwana Bakho: Abantwana abaselula kakhulu abangekakwazi ukuqalisa ingxubusho yeZibhalo emakhayeni abantu bangahambisa amaphephancwadi. Kufuna ufunde intshumayelo elula yezivakalisi ezimbalwa ezifutshane. Ingabula-zigcawu, mhlawumbi ngomfanekiso okwiphepha elingaphandle, inokwanela. Abaninimzi abaninzi bakulungele ukwamkela oolindixesha kulutsha lwethu, badla ngokugqabaza kakuhle ngokunyaniseka nehambo entle yolu lutsha. Ngoncedo nje oluncinane, le nkonzo yinto abanokuyenza kakuhle abantwana, babe negalelo eliphawulekayo ekusasazeni isigidimi soBukumkani. Kakade ke, njengokuba abantwana besiya bekhula, abazali babo baya kubanceda baqhubeke besenza inkqubela ekukhuliseni ubugcisa babo bokunikela ubungqina.
3 UManuel waqalisa ukushumayela kwindlu ngendlu xa wayeneminyaka emithathu ubudala. Abazali bakhe bamfundisa ukucengceleza intshumayelo emfutshane. Ngenzondelelo ushumayela kunye nabo, uhambisa amaphephancwadi amaninzi, iincwadana ezinemifanekiso namaphecana. Kwakhona unikela ubungqina obungacwangciswanga. Ngesinye isihlandlo xa abazali bakhe bamsa epakini ukuze azihlaziye, waqalisa ukuhambisa amaphecana kwabanye abantu ababelapho. Nangona eselula gqitha, ihlombe likaManuel ngobulungiseleli ngumthombo wokhuthazo lokwenene kubazali bakhe nakwibandla liphela.—IMize. 22:6.
4 Kwikhalenda YamaNgqina KaYehova Yowama-2000, Mgqibelo ngamnye utyunjwe ‘njengoSuku Lwamaphephancwadi.’ Bazali, sincomela ukuba nihlaziye umdla wenu kulo msebenzi, nincede abantwana benu ukuze babe nenxhaxheba ngokuthe rhoqo kangangoko kunokwenzeka kweli lungelo lenkonzo.