IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 6/00 iphe. 2
  • Ukukhonza Apho Imfuneko Inkulu Khona

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukukhonza Apho Imfuneko Inkulu Khona
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2000
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2000
km 6/00 iphe. 2

Ukukhonza Apho Imfuneko Inkulu Khona

La mabandla alandelayo afuna abadala, izicaka zolungiselelo noovulindlela. Ngaba ungazenza ufumaneke? Nceda uqhagamshelane noMbutho ukuze ufumane iinkcukacha ezingakumbi.

Elugwijini, EFlagstaff: Kufuneka uncedo kweli bandla linabavakalisi abangama-28 noodade abahlanu abangoovulindlela abathe ngxi. Ngokuqhelekileyo kuza abantu abangama-66 kwiiNtlanganiso Zesidlangalala. Kukho imihlaba emikhulu kulo mmandla ekufuneka isetyenzwe, ngoko ke, oovulindlela, abadala okanye izicaka zolungiselelo ziya kuvuyelwa.

ENew Brighton, EBhayi: Libandla elinabavakalisi abangama-46 nesicaka solungiselelo esinye. Kufuneka abadala nezicaka zolungiselelo ezingakumbi ukuze bancedise ekukhokeleni nasekunyamekeleni iimfuno zomhlambi. Ngaba abadala nezicaka zolungiselelo abaneentsapho ezomeleleyo ngokomoya banokulamkela olu celomngeni?

ENyanga North, EKapa: Kufuneka abadala nezicaka zolungiselelo abaneentsapho ezomeleleyo ngokomoya. Kukho abavakalisi abangama-48, umdala omnye nezicaka zolungiselelo ezi-2. Oovulindlela, abatshatileyo okanye abangatshatanga, baya kuba luncedo kakhulu njengokuba kukho umhlaba omkhulu ekufuneka ugutyungelwe.

ENyanga West, EKapa: Eli libandla elinabavakalisi abali-102 nabadala aba-2 kuphela. Kukho imfuneko engakumbi yabadala abongezelelekileyo abaneentsapho ezomeleleyo ngokomoya ukuze bakhokele.

ERocky Park, EQonce: Eli libandla elincinane elifuna oovulindlela abanokukhokela baze bahlakulele umdla kulo mhlaba mkhulu.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share