Iindaba Ezingokobuthixo
◼ EMzantsi Afrika: Ebudeni benyanga kaMatshi kuye kwanikezelwa iiHolo zoBukumkani ezimbini ezizezi, eyaseOukasie (eBrits) neyaseMaun (eBotswana). Sivuyisana nabo ekubeni emva kweminyaka emininzi ngoku benendawo yabo yokunqulela. Ngenxa yemigama emide ebekufuneka ayihambe amatsha-ntliziyo ukuze ancede iBandla laseMaun, kuthabathe iminyaka engaphezu kwemithathu ukwakha iholo yabo. IKomiti Yokwakha Yenqila yaseBotswana iye yancedisa ukuze kugqityezelwe le holo. Kwakhona, kunyaka ophelileyo intsapho ethile iye yasabela kwikhwelo elalikuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaNovemba 1998, lokuya kukhonza apho kukho imfuneko enkulu khona, yaye yancedisa ekugqityezelweni kweholo yobukumkani ngoxa yayisebenza intsimi yesiNgesi. Sibamba ngazibini kubo bonke abazalwana neeKomiti Zokwakha Zenqila eziye zancedisa kwezi zakhiwo. Ngamana singakhuthaza loo mabandla akha ezawo iiholo ukuba azibekele usukelo lokuzinikezela ngaphambi kokuphela kwalo nyaka. IKomiti Yokwakha Yenqila yasekuhlaleni iya kukulungela ukunincedisa kule nkalo.