IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 9/01 iphe. 3
  • Izaziso

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Izaziso
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
km 9/01 iphe. 3

Izaziso

◼ Umnikelo woncwadi NgoSeptemba: Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila. Ngo-Oktobha: Iphephancwadi IMboniselo noVukani! NgoNovemba: Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? okanye ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. Okanye INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike. NgoDisemba: Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila.

◼ Kukhunjuzwa abadala ukuba benze ngokuvisisana nemiyalelo enikelwe kwiphepha 21-3 leMboniselo ka-Aprili 15, 1991, ngokuphathelele nabaphi na abantu abasusiweyo kubudlelane okanye abazahluleyo abasenokuba bafuna ukubuyiselwa.

◼ Iofisi yesebe ayimthumeleli umvakalisi omnye iodolo yoncwadi. Umveleli owongamelayo ufanele alungiselele ukuba kwenziwe isaziso nyanga nganye ngaphambi kokuba ibandla lithumele iodolo yalo yenyanga kuMbutho ukuze bonke abantu abanomdla wokufumana uncwadi lobuqu bazise umzalwana onyamekela uncwadi. Ncedani nikhumbule iimpapasho zesicelo esikhethekileyo.

◼ Amabandla afanele aqalise ukuodola IKhalenda YamaNgqina KaYehova Yowama-2002 kunye neodolo yawo yoncwadi kaSeptemba. Iikhalenda ziya kufumaneka ngesiBhulu, isiChichewa, isiCibemba, isiFrentshi, isiGrike, isiJamani, isiNgesi, isiPhuthukezi, isiShona, isiSuthu, isiTaliyane, isiXhosa nesiZulu. De zibe ziyafumaneka zize zithunyelwe ezi khalenda, kwii-invoyisi zebandla kuya kuthiwa “Zothunyelwa.” Ezi zizinto zesitokhwe esiqingqiweyo kwaye zifanele ziodolelwe abavakalisi abazicelileyo. (Bona iWatch Tower-Isikhokelo Sokucela Uncwadi, Icandelo 3)

◼ NgoMgqibelo, ngo-Oktobha 13, 2001, iKhaya laseBheteli kunye nomzi-mveliso ziza kuvalwa ukuze zicocwe. Ngoko akuyi kubakho malungiselelo okukhenketha ngolo suku.

◼ Iimpapasho Ezintsha Ezifumanekayo:

Watch Tower Publications Index 1986-2000—ngesiNgesi

◼ Iikhasethi Zevidiyo Ezintsha Ezifumanekayo:

The Greatest Man Who Ever Lived—Ngekhasethi levidiyo, Umqulu 1—NgeNtetho Yezandla YaseMerika

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share