IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 9/02 iphe. 7
  • Izaziso

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Izaziso
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2002
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2002
km 9/02 iphe. 7

Izaziso

◼ NgoSeptemba kuza kuhanjiswa: Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. Ngo-Oktobha: IMboniselo noVukani! Ukuba umninimzi unomdla, mnike incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo, uze uzame ngandlela zonke ukuqalisa isifundo seBhayibhile. NgoNovemba: Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? okanye Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. Ukuba umntu sele enazo ezi ncwadi, kusenokuhanjiswa nayiphi na kwezindala. NgoDisemba: Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila.

◼ Kukhunjuzwa abadala ukuba benze ngokuvisisana nemiyalelo enikelwe kwiphepha 21-3 leMboniselo ka-Aprili 15, 1991, ngokuphathelele nabaphi na abantu abasusiweyo kubudlelane okanye abazahluleyo abasenokuba bafuna ukubuyiselwa.

◼ Iofisi yesebe ayimthumeleli umvakalisi omnye iodolo yoncwadi. Umveleli owongamelayo ufanele alungiselele ukuba kwenziwe isaziso nyanga nganye ngaphambi kokuba ibandla lithumele iodolo yalo yenyanga esebeni ukuze bonke abantu abanomdla wokufumana uncwadi lobuqu bazise umzalwana onyamekela uncwadi. Ncedani nikhumbule iimpapasho zesicelo esikhethekileyo. Amabandla alathisa ukuodolwa koncwadi afanele aqiniseke ukuba namanye amabandla angena kuloo Holo yoBukumkani ayazifumana izixa zawo. Makube njalo nakubavakalisi abafake iiodolo zabo. Izicaka zoncwadi zifanele ziqiniseke ukuba abantu bayazifumana izinto abaziodoleyo.

◼ IMboniselo yeNtetho Yezandla YaseMerika ephuma nyanga nganye nekwividiyo iza kufumaneka ukususela kwinkupho kaSeptemba 1, 2002.

◼ Amabandla afanele aqalise ukuodola Ikhalenda YamaNgqina KaYehova Yowama-2003 kunye neodolo yawo yoncwadi kaSeptemba. Iikhalenda ziya kufumaneka ngesiBhulu, isiChichewa, isiCibemba, isiFrentshi, isiGrike, isiJamani, isiJapan, isiMalagasy, isiNgesi, isiPhuthukezi, isiPolish, isiShona, isiSpanish, isiSuthu, isiSwahili, isiTaliyane, isiTshayina, isiXhosa nesiZulu. De zibe ziyafumaneka zize zithunyelwe ezi khalenda, kwii-invoyisi zebandla kuya kuthiwa “Zothunyelwa.” Ezi zizinto zesitokhwe esiqingqiweyo kwaye zifanele ziodolelwe abavakalisi abazicelileyo. (Bona iWatch Tower-Isikhokelo Sokucela Uncwadi, Icandelo 3.)

◼ Amabandla afanele aqalise ukuodola incwadana ethi Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla—2003 kunye neodolo yawo yoncwadi kaSeptemba. Ezi ncwadana ziza kufumaneka ngesiBhulu, isiChichewa, isiChitonga (saseZambia), isiCibemba, isiFrentshi, isiGrike, isiJamani, isiJapan, isiKirundi, isiKwanyama, isiLuvale, isiMalagasy, isiNgesi, isiPedi, isiPhuthukezi, isiPolish, isiRashiya, isiShona, isiSilozi, isiSpanish, isiSuthu, isiSwahili, isiTaliyane, isiTshayina, isiTsonga, isiTswana, isiTumbuka, isiVenda, isiXhosa, isiZulu. De zibe ziyafumaneka zize zithunyelwe ezi khalenda, kwii-invoyisi zebandla kuya kuthiwa “Zothunyelwa.” Ezi zizinto zesitokhwe esiqingqiweyo kwaye zifanele ziodolelwe abavakalisi abazicelileyo. (Bona iWatch Tower-Isikhokelo Sokucela Uncwadi, Icandelo 3.)

◼ Amabandla afanele aqalise ukuodola Incwadi Yonyaka Yowama-2003 kunye neodolo yawo yoncwadi kaSeptemba. Iza kufumaneka ngeBraille yesiNgesi, ngesiCroatia, ngesiFrentshi, ngesiGrike, ngesiJamani, ngesiJapan, ngesiNgesi, ngesiPhuthukezi, ngesiSpanish, ngesiSuthu, ngesiTaliyane, ngesiTshayina, ngesiTsonga, ngesiXhosa nangesiZulu. De zibe ziyafumaneka zize zithunyelwe ezi khalenda, kwii-invoyisi zebandla kuya kuthiwa “Zothunyelwa.” Ezi zizinto zesitokhwe esiqingqiweyo kwaye zifanele ziodolelwe abavakalisi abazicelileyo. (Bona iWatch Tower-Isikhokelo Sokucela Uncwadi, Icandelo 3.)

◼ NgoMgqibelo, ngo-Oktobha 19, 2002, iKhaya laseBheteli kunye nomzi-mveliso ziza kuvalwa ukuze zicocwe. Ngoko akuyi kubakho malungiselelo okukhenketha ngolo suku.

◼ Intetho ekhethekileyo yowama-2003 iza kuba ngeCawa, ngoAprili 27. Umxholo uza kuchazwa ethubeni nolwandlalo luza kuthunyelwa kamva. Amabandla anotyelelo lomveleli wesiphaluka okanye anendibano ngaloo mpela-veki aya kuba nentetho ekhethekileyo kwiveki elandelayo. Amabandla akamele abe nentetho ekhethekileyo ngaphambi komhla ka-Aprili 27, 2003.

◼ Iimpapasho Ezintsha Ezifumanekayo:

Zuza Kwimfundo YeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo—ngesiTaliyane nangesiPhuthukezi

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share