Sebenzisana NoMveleli WeSifundo Sencwadi Sebandla Okuso
1 Sonke sizuza lukhulu kwiSifundo Sencwadi Sebandla. Kwinyanga edluleyo siye saxubusha ngendlela umveleli weSifundo Sencwadi Sebandla ayiphumeza ngayo indima yakhe. Kodwa yintoni esinokuyenza ukuze sisebenzisane naye kuze kungenelwe thina nabanye?
2 Yibakho Veki Nganye: Ekubeni amaqela ezifundo zencwadi eba mancinane, ubukho bakho bubalulekile. Zibekele usukelo lokubakho veki nganye. Unokusebenzisana naye ngokufika kwangethuba, ekubeni oku kunceda umveleli aqalise intlanganiso ngendlela endilisekileyo.—1 Kor. 14:40.
3 Iimpendulo Ezakhayo: Enye indlela onokusebenzisana naye ngayo kukulungiselela kakuhle nokunikela iimpendulo ezakhayo. Kudla ngokuba kuhle ukuba uthabathe ingongoma ibe nye xa uphendula, ibe loo nto ikhuthaza nabanye ukuba baphendule. Kuphephe ukuzama ukugubungela yonke into esesiqendwini. Ukuba kuloo mbandela kukho ingongoma ekuchukumisayo, yityebise ingxubusho ngokuveza ingcamango yakho xa uphendula.—1 Pet. 4:10.
4 Ukuba unelungelo lokufunda iziqendu kwisifundo seqela, sikhuthalele esi sabelo. Ukufunda kakuhle kuyawuphucula umgangatho wesifundo.—1 Tim. 4:13.
5 Ukushumayela Njengeqela: Iintlanganiso zenkonzo yasentsimini ziqhutywa kwiindawo ekungenelwa kuzo izifundo zencwadi, yaye ukuwaxhasa kwakho la malungiselelo kunceda umveleli njengoko ekhokela kumsebenzi wokushumayela. Qiniseka ukuba ubakho rhoqo entsimini. La malungiselelo wajonge njengamathuba okusondelelana nabazalwana bakho nokubakhuthaza.
6 Iingxelo Zenkonzo Yasentsimini: Enye indlela esinokusebenzisana ngayo nomveleli kukumnika iingxelo zenkonzo yasentsimini kanye ekupheleni kwenyanga. Mnike esandleni ingxelo yakho. Unobhala uya kuqokelela iingxelo zenkonzo yasentsimini kubaveleli besifundo sencwadi.
7 Ukusebenzisana kwakho nomveleli weSifundo Sencwadi Sebandla kuya kuxatyiswa. Ngaphezu kwako konke, unokuqiniseka ukuba uYehova uya ‘kuba nomoya owubonisayo.’—Fil. 4:23.