IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 12/02 iphe. 7
  • Izaziso

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Izaziso
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2002
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2002
km 12/02 iphe. 7

Izaziso

◼ NgoDisemba kuza kuhanjiswa ezi mpapasho zilandelayo: Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila. NgoJanuwari: Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho. Amabandla anencwadi ethi Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo asenokuyihambisa nayo. NgoFebruwari nangoMatshi: Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. Kuza kwenziwa umgudu okhethekileyo wokuqalisa izifundo zekhaya zeBhayibhile.

◼ Ncedani niphawule ukuba iSikhumbuzo sowama-2004 siza kuba ngeCawa, Aprili 4, emva kokutshona kwelanga. Sinazisa kwangethuba ukuze nenze amalungiselelo ayimfuneko xa kukho amabandla amaninzi asebenzisa iHolo yoBukumkani enye okanye xa kufuneka nifumane enye indawo yokusiqhuba. Abadala bafanele babe nesivumelwano nabaphathi bendawo ukuze baqiniseke ukuba akuyi kubakho siphazamiso esivela kwezinye izinto ezenziwa kweso sakhiwo ukuze iSikhumbuzo siqhutywe ngoxolo nangocwangco. Ngenxa yokubaluleka kwesi sihlandlo, xa kusabelwa umntu oza kunikela intetho yeSikhumbuzo, iqumrhu labadala lifanele likhethe omnye wabona badala bafanelekayo kunokuba kutshintshiswane okanye kusetyenziswe umdala omnye minyaka le. Ukuba kukho umdala ongumthanjiswa onokunikela intetho, kufanele kukhethwe yena.

◼ Amabandla afanele aqalise ukuodola izimemo zesikhumbuzo zowama-2003 kwiodolo yawo yoncwadi kaDisemba. Izimemo zifumaneka ngesiBhulu, ngesiFrentshi, ngesiNgesi, ngesiPedi, ngesiPhuthukezi, ngesiSuthu, ngesiTsonga, ngesiTswana, ngesiXhosa nangesiZulu. Zifanele ziodolwe ngezixa ze-100 ulwimi ngalunye. Ncedani niodole ngomlinganiselo ofanelekileyo kuba izimemo zenzelwe abantu abanomdla kuphela, azinikwa nje nabani na.

◼ Amabandla angekawaodoli amakhadi eAdvance Medical Directive/Release kunye neeIdentity Cards makenjenjalo kwiodolo yawo yoncwadi kaDisemba. Ncedani niodole ngezixa zama-20. Musani ukuwakhupha la makhadi. Wagcineni de nifumane imiyalelo engakumbi kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani.

◼ Kukho utshintsho olwenziweyo kwindlela iSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo esiya kuqhutywa ngayo ngotyelelo lomveleli wesiphaluka. Ukususela ngoJanuwari 2003, emva kokuba kuvulwe ngengoma nangomthandazo, isikolo siya kuqhutywa ngemizuzu engama-25. Kuza kubakho intetho yemizuzu emihlanu yophawu lwentetho, intetho yokuyala yemizuzu elishumi, kunye neembalasane zeBhayibhile eziya kuthabatha imizuzu elishumi. INtetho yesi-2, 3 neyesi-4 aziyi kubakho. Isikolo siya kulandelwa yiNtlanganiso Yenkonzo eya kuthabatha isiqingatha seyure. Emva kwengoma, kuya kubakho ucwangciso lomveleli wesiphaluka oluya kuthabatha isiqingatha seyure, kuze kulandele ingoma nomthandazo wokuqukumbela.

◼ Ukususela kwinkupho kaJanuwari 1, 2003, IMboniselo yesiLuvale iza kufumaneka kabini ngenyanga.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share