Yambathani Intobeko
1 Inkwenkwe engumalusi ithembela kuYehova ize yoyise ijoni elinamandla. (1 Sam. 17:45-47) Ngomonde indoda esisityebi inyamezela intlekele. (Yobhi 1:20-22; 2:9, 10) UNyana kaThixo uzukisa uYise ngezinto azifundisayo. (Yoh. 7:15-18; 8:28) Kuyo yonke le mizekelo, undoqo yayikukuthobeka. Ngokufanayo namhlanje, ukuze sikwazi ukuhlangabezana neemeko ezahlukahlukeneyo esijongene nazo, undoqo kukuthobeka.—Kol. 3:12.
2 Xa Sishumayela: Njengabalungiseleli abangamaKristu, ngokuthobeka sixelela abantu bazo zonke iintlobo iindaba ezilungileyo, asibacaluli ngokobuhlanga, ubuzwe okanye imvelaphi. (1 Kor. 9:22, 23) Ukuba abanye bakrwada okanye basijongela phantsi isigidimi soBukumkani, asiphindisi kodwa ngomonde siqhubeka sifuna abafanelekayo. (Mat. 10:11, 14) Kunokuzama ukwenza abanye bathabatheke lulwazi okanye yimfundo esinayo, sitsalela ingqalelo kwiLizwi likaThixo, sisazi ukuba linamandla ngaphezu kwayo nantoni na ephuma emilonyeni yethu. (1 Kor. 2:1-5; Heb. 4:12) Sixelisa uYesu, lonke uzuko silusa kuYehova.—Marko 10:17, 18.
3 Ebandleni: Kwakhona amaKristu amele ‘abhinqe ukuthobeka kwengqondo omnye ngakomnye.’ (1 Pet. 5:5) Ukuba abanye sibajonga njengabongamileyo kunathi, siya kukhangela iindlela zokukhonza abazalwana bethu kunokuba silindele ukuba basikhonze. (Yoh. 13:12-17; Fil. 2:3, 4) Asiyi kuzibona siphucuke gqitha ukuba singenza imisebenzi efana nokucoca iHolo yoBukumkani.
4 Ukuthobeka kuyasinceda ukuze sikwazi ‘ukunyamezelana ngothando,’ nto leyo ebangela ukuba kubekho uxolo nomanyano ebandleni. (Efe. 4:1-3) Kusinceda sikwazi ukubathobela abo bakhokelayo. (Heb. 13:17) Kusenza samkele nasiphi na isiluleko okanye uqeqesho esilufumanayo. (INdu. 141:5) Yaye ukuthobeka kusibangela ukuba sithembele kuYehova kuso nasiphi na isabelo esisinikwa ebandleni. (1 Pet. 4:11) NjengoDavide, siyaqonda ukuba impumelelo yethu ixhomekeke kwinkxaso kaThixo kungekhona kubuchule esinabo.—1 Sam. 17:37.
5 Phambi KoThixo Wethu: Ngaphezu kwako konke, kufuneka ‘sizithobe phantsi kwesandla esinamandla sikaThixo.’ (1 Pet. 5:6) Ukuba kufuneka silwe neemeko ezilingayo, sisenokulangazelela isiqabu esiya kuziswa buBukumkani. Kodwa ngokuzithoba sinomonde, silindele kuYehova ukuba azalisekise izithembiso zakhe ngexesha lakhe. (Yak. 5:7-11) Njengokuba kwakunjalo ngomgcini wengqibelelo uYobhi, eyona nto iphambili kuthi kukuba “liqhubeke libongwa igama likaYehova.”—Yobhi 1:21.
6 Umprofeti uDaniyeli ‘wazithoba phambi koThixo’ yaye uYehova wakholiswa nguye waza wamsikelela nangamanye amalungelo enkonzo. (Dan. 10:11, 12) Ngamana nathi ngokufanayo singambatha intobeko, sisazi ukuba ‘umphumo wentobeko nokoyika uYehova bubutyebi, nozuko nobomi.’—IMize. 22:4.