IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 11/03 iphe. 3
  • Izaziso

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Izaziso
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2003
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2003
km 11/03 iphe. 3

Izaziso

◼ NgoNovemba kuza kuhanjiswa incwadi ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? okanye ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. Ukuba abantu sele benazo ezi ncwadi, kusenokuhanjiswa ethi, Nqula Okuphela KoThixo Oyinyaniso okanye nayiphi na impapasho endala. NgoDisemba: Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila. Ukuba aninayo le, nisenokuhambisa Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile okanye ethi IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? Kunokuhanjiswa incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade Kwiparadisi Esemhlabeni ukuba ibandla lisenayo esitokhweni. NgoJanuwari: Nayiphi na incwadi eyapapashwa ngaphambi kowe-1988 ekhoyo kwisitokhwe sebandla. Ukuba aninazo ezi ncwadi esitokhweni, ncedani nizicele kumabandla akufutshane ukuba anazo anokuninceda ngazo. Amabandla angenazo iincwadi ezindala anokuhambisa ethi Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo okanye ethi Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho. NgoFebruwari: Sondela KuYehova.

◼ Umveleli owongamelayo okanye nabani na ogunyaziswe nguye makahlole imali yebandla ngoDisemba 1 okanye ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka emva koko. Akuba ekwenzile oku, yazisani ibandla emva kokuba kwenziwe ingxelo yemali elandelayo.

◼ Umveleli owongamelayo umele athumele ingxelo ethi Isabelo Somhlaba Ongabelwanga (S-91) nawo nawaphi na amava abangel’ umdla kwiofisi yesebe ngaphambi kukaNovemba 19, 2003. Nceda uqiniseke ukuba usebenzisa isitampu esifanele imvulophu enkulu.

◼ Amabandla afanele aqalise ukuodola imiqulu yeMboniselo noVukani! yowama-2003 kwiodolo yawo elandelayo. Le miqulu iza kufumaneka ngesiCroat, ngesiDatshi, ngesiFrentshi, ngesiGrike, ngesiJamani, ngesiJapan, ngesiKorea, ngesiNgesi, ngesiPhuthukezi, ngesiPolish, ngesiRashiya, ngesiRomania, ngesiSpanish, ngesiTaliyane, nangesiTshayina. Ide ibe iyafumaneka le miqulu yaye ithunyelwe, kuya kuthiwa “Pending” kuludwe lwezinto ezithunyelwa emabandleni. Imiqulu zizinto ezicelwa ngokukhethekileyo.

◼ Unobhala webandla umele aqinisekise ukuba umnikelo waminyaka le weKingdom Hall Assistance Arrangement uhlawulwa ngokukhawuleza emva kokuba kufunyenwe uxwebhu oluchaza ityala eliseleyo ekuqaleni konyaka. Xa uphahla lwenye iHolo yoBukumkani lemka nomoya, ibandla lazisola ngokungahlawuli umnikelo walo wonyaka kangangeminyaka emihlanu. Ukuba ibandla alikwazi ukuyihlawula yonke imali efunekayo, lichazeleni ngalo mbandela njengoko iyimbopheleleko yalo nize nigqibe ngemali ezizavenge eniza kuyihlawula ukuze niqiniseke ukuba ngasekupheleni konyaka niyihlawule yonke imali efunekayo.

◼ Amabandla angekasifaki isicelo se-Advance Medical Directive/Release Cards and Identity Cards afanele asifake kunye nesicelo sawo soncwadi sikaDisemba. Ncedani niodole ngokwezixa ezingama-20. Ningawanikezeli ebandleni la maqweqwe. Wagcineni nide nifumane imiyalelo engakumbi kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani.

◼ Amabandla anomatshini wevidiyo afanele aqiniseke ukuba anayo ikhasethi nokuba inye yevidiyo ethi Meeting Patients Needs and Rights (vcnr-E) ukuze abavakalisi bayibukele xa belungiselela inxalenye ekwiNtlanganiso Yenkonzo kaJanuwari.

◼ NCEDA UPHAWULE: Kukho utshintsho kwezi ndibano zesithili zilandelayo:

Januwari 3, 4, 2004:

EKatima Mulilo (isiNgesi/isiSilozi)

◼ Iimpapasho Ezintsha Ezifumanekayo:

Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila—isiNdonga

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share