Nceda Abo ‘Banotyekelo Olufanelekileyo’
1. Kulo mhla wethu ngoobani uYehova abahlanganisela kuye?
1 Umntu ngamnye unotyekelo olwendele nzulu entliziyweni yakhe yokomfuziselo. (Mat. 12:35) IBhayibhile ithetha ngomntu ‘onentliziyo etyekele ekulweni.’ (INdu. 55:21) Abanye ‘batyekele emsindweni.’ (IMize. 29:22) Kodwa ke kukwakho nabo ‘banotyekelo olufanelekileyo ngobomi obungunaphakade.’ (IZe. 13:48) Kulo mhla wethu, uYehova uhlanganisa abo banotyekelo olufanelekileyo. (Hag. 2:7) Singabanceda njani babe ngabanquli bakaYehova?
2. Yintoni ebandakanyekileyo ekuphumezeni uthumo lwethu lokwenza abafundi?
2 Zimisele Ukubuyela: Ukuba nembono efanelekileyo ngokwenza amabuyelo kubalulekile ukuze siphumeze uthumo lwethu lokwenza abafundi. (Mat. 28:19, 20) Ngaba sikukhuthalele ukubuyela ngokukhawuleza xa sifumene umntu onomdla? Ngaba sibuyela kubo bonke abathabathe uncwadi okanye ababonisa umdla kwiindaba ezilungilelyo? Ngaba siyazingisa kwimigudu yethu yokubanceda bakhule ngokomoya? Ekubeni kubandakanyeke ubomi, sifanele sifune ukuhlakulela wonke umdla esiwufumanayo.
3. Yintoni esimele siyenze emva kokuba siye sancokola nomntu entsimini?
3 Ngoxa usazikhumbula izinto oye wazixubusha nomntu onomdla, bhala igama nedilesi yakhe. Bhala loo nto benithetha ngayo, naziphi na izibhalo eniye nazifunda noncwadi oye wamnika lona. Emva koko, qiniseka ukuba ubuyela ngokukhawuleza.
4. Sinokuwenza njani amabuyelo ngokunempumelelo?
4 Ukubuyela: Xa ubuyela, kuhle ukuba nobubele nobuhlobo nokuba nomdla wokwenene kumninimzi. Ingxubusho yakho yisekele eZibhalweni ize ihlale ilula. Lungiselela umxholo obangel’ umdla weBhayibhile, xa uqukumbela utyelelo lwakho, buza umbuzo oza kuwuphendula kutyelelo olulandelayo. Kuhle ukungaxambulisani nomninimzi ngemibandela anokuyiphakamisa engenanto yakwenza neZibhalo. Zama ukuthetha ngezinto enivumelana ngazo.—Kol. 4:6.
5. Nguwuphi umgudu owenziwa ngomnye uvulindlela, kwaye yaba njani imiphumo?
5 Ukubuyela kufuna umgudu, kodwa imiphumo iyancumisa. Omnye uvulindlela waseJapan wazibekela usukelo lokwenza amabuyelo amaninzi nyanga nganye. Waqalisa ukugcina ingxelo yabo bonke abo adibana nabo kumsebenzi wendlu ngendlu waza wabuyela kubo kwisithuba seentsuku ezisixhenxe. Wakulungiselela ngokucokisekileyo oko wayeza kukuthetha waza waqhubeka nobulungiseleli bakhe enentembelo epheleleyo kwisigidimi awayesishumayela. Kolunye utyelelo lwakhe, waqalisa isifundo nomntu owathi: “Bendisoloko ndinigxotha bantundini. Esi sisihlandlo sokuqala ndiniphulaphula.” Ukuzingisa kwalo vulindlela kwaba nemiphumo emihle. Ekupheleni kwenyanga wafaka ingxelo yezifundo zeBhayibhile ezilishumi.
6. Kutheni simele sizingise ekwenzeni amabuyelo?
6 Iimeko zabantu zisoloko ziguquka. (1 Kor. 7:31) Kungumzamo ukufumana umntu ekhaya xa ubuyela. Ngokubuyela rhoqo, sinokunceda abo banotyekelo olufanelekileyo bahambe endleleni esa kubomi obungunaphakade.—Mat. 7:13, 14.