IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 10/04 iphe. 1
  • Ukuya Rhoqo Ezintlanganweni—Kumele Kube Kwindawo Yokuqala

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuya Rhoqo Ezintlanganweni—Kumele Kube Kwindawo Yokuqala
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2004
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukubakho Kwiintlanganiso—Imbopheleleko Enzulu
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1994
  • Qiniseka Ukuba Ubeka Izinto Zokuqala Kwindawo Yokuqala!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
  • Zingakunceda Njani Iintlanganiso ZamaNgqina KaYehova?
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
  • Ucwangciso Lwentsapho—Iintlanganiso Zebandla
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2004
km 10/04 iphe. 1

Ukuya Rhoqo Ezintlanganweni—Kumele Kube Kwindawo Yokuqala

1 Kwiintsapho zamaKristu ukuya kwiintlanganiso rhoqo yeyona nto iza kuqala ebomini. Kodwa izinto ezifunekayo ebomini namhlanje zinokuba lucelomngeni. Ngaba uqalisa ukusebenzisa ixesha elibekelwe ukunqula uYehova kwimisebenzi yasekhaya, kumsebenzi wengqesho okanye kumsebenzi wasesikolweni? Ukujonga izinto ngendlela kaYehova kuya kusinceda sibambelele kwizinto eziza kuqala ebomini bethu.—1 Sam. 24:6; 26:11.

2 Enye indoda engumSirayeli ayizange ijonge izinto ngendlela kaYehova ngabom ngokuthi itheze iinkuni ngeSabatha. Yayisenokuqiqa ngelithi yayilungiselela intsapho yayo okanye ngokuthi yayiyinto engenamsebenzi nje leyo. Noko ke, isigwebo esawiswa nguYehova sabonisa ukuba ukufuna ukwenza izinto ezingenamsebenzi ngexesha elimiselwe ukunqula ngumcimbi onzulu.—Num. 15:32-36.

3 Ukuhlangabezana Nocelomngeni: Kwabaninzi kunzima ukuthintela umsebenzi wengqesho ukuba ungaphazamisani nokuya kwiintlanganiso. Bambi baye bahlangabezana nolu celomngeni ngokuthetha nabaqeshi babo, ngokutshintshisana nabo basebenza nabo ngamaxesha omsebenzi, ngokufuna umsebenzi oza kubenza bakwazi ukuya kwiintlanganiso, okanye ngokubenza lula ubomi babo. Ngokuqinisekileyo ukuzincama okunjalo ngenxa yonqulo lokwenyaniso kuyamkholisa uThixo.—Heb. 13:16.

4 Nomsebenzi wesikolo unokuba lucelomngeni. Omnye oselula wathi: “Inxalenye yomsebenzi wesikolo ndiyenza ngaphambi kokuba ndiye kwiintlanganiso ndize ndigqibezele xa ndibuya.” Xa umntwana engakwazanga ukuwenza wonke umsebenzi wesikolo ngobusuku beentlanganiso, abanye abazali baye bacacisele ootitshala ukuba iintlanganiso zamaKristu ziza kuqala ebomini beentsapho zabo.

5 Undoqo kukusebenzisana nokuceba kakuhle ukuze igqitywe kwangethuba imisebenzi yasekhaya kuze kulungiselelwe ukuba intsapho iye kwiintlanganiso. (IMize. 20:18) Kwanabantwana abancinane banokumiselwa ixesha abafanele banxibe ngalo ukuze balungele ukuya kwiintlanganiso. Ngomzekelo abawumiselayo, abazali banokubethelela ukubaluleka kweentlanganiso ezintliziyweni zabantwana babo.—IMize. 20:7.

6 Njengoko zisanda iingcinezelo zale nkqubo, kubalulekile ukuba sibekho rhoqo kwiintlanganiso zebandla. Ngamana singaqhubeka sijonga izinto ngendlela azijonga ngayo uYehova ukuze ukuya rhoqo ezintlanganisweni kuze kuqala ebomini bethu.—Heb. 10:24, 25.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share