Izaziso
◼ NgoAprili nangoMeyi kuza kuhanjiswa amaphephancwadi IMboniselo noVukani! Xa nibuyela kubantu abanomdla, abasenokuquka abo bebezile kwiSikhumbuzo nakolunye ucwangciso lobuthixo kodwa abanganxulumaniyo nebandla, nikelani ingqalelo ekubashiyeleni incwadi ethi Nqula UThixo. Kufanele kwenziwe umgudu wokuqalisa isifundo seBhayibhile, ingakumbi kwabo sele beyifundile incwadi ethi Ulwazi nencwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo. NgoJuni: Funda Kumfundisi Omkhulu. Ukuba umntu uthi akanabantwana, mnike incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo. Xa usebenzisa incwadana enemifanekiso, nikela ingqalelo ekuqaliseni isifundo seBhayibhile. NgoJulayi nangoAgasti: Nayiphi incwadana enemifanekiso enamaphepha angama-32, ngaphandle kwethi Imfundo nethi Igazi Linokubusindisa Njani Ubomi Bakho?
◼ Amabandla afanele aqalise ukuodola imiqulu yeMboniselo noVukani! yowama-2003. Le miqulu ifumaneka ngesiJamani, isiNgesi nesiPhuthukezi. De ibe iyafumaneka ize ithunyelwe, kuya kubhalwa “Zothunyelwa” kuludwe lwezinto ezithunyelwa emabandleni. Imiqulu zizinto zesicelo esikhethekileyo.
◼ Iofisi yesebe ifuna ukugcina iingxelo ezichanileyo zeedilesi neenombolo zefowuni zabo bonke abaveleli abongamelayo noonobhala. Nanini na kukho utshintsho, iKomiti Yenkonzo Yebandla ifanele izalise ifomu ethi Utshintsho Lwedilesi Yomveleli Owongamelayo/Nonobhala (S-29), iyityobele ize iyithumele kwiofisi yesebe ngokukhawuleza. Oku kufanele kwenziwe naxa kutshintsha ikhowudi yefowuni yengingqi.
◼ IiDVD Ezintsha Ezifumanekayo:
Elementary Bible Teachings—Ngentetho Yezandla YaseMerika. Le DVD inenkcazelo nemibuzo yobhaptizo ekwiphepha 171-218 lencwadi ethi Ubulungiseleli Bethu yaye inezibhalo ezicatshulweyo ezingaphezu kwama-300. Njengakuhlelo lwevidiyo, abantu abanomdla abangevayo nabanqwenela ukubhaptizwa baya kuwufumanisa uluncedo lo mbandela xa belungiselela imibuzo ebuzwa ngaphambi kokuba umntu abhaptizwe. Nabadala baya kuyifumanisa iluncedo le DVD xa behlolisisa imibuzo yabaza kubhaptizwa.