ISifundo Sencwadi Sebandla—Isizathu Sokuba Sisifune
1. Laqala njani ilungiselelo leSifundo Sencwadi Sebandla?
1 Emva phayaa ngowe-1895, amaqela ezifundo zaBafundi beBhayibhile, njengoko ayebizwa njalo amaNgqina kaYehova ngezo mini, abizwa ngokuba ziZazulu Zokukhanya Zokufundisisa IBhayibhile. Kwakufundisiswa imiqulu yeMillennial Dawn. Kamva ezi ntlanganiso zabizwa ngokuba ziZazulu ZamaBhereya Zofundisiso lweBhayibhile. (IZe. 17:11) Ngokuqhelekileyo iqela elingelikhulu kuyaphi lalihlanganisana ekhayeni lomzalwana ngorhatya oluya kulungela elo qela. Ezi ntlanganiso zazitshayelela iSifundo Sencwadi Sebandla.
2. Singakhuthazana njani “elukholweni” kwisifundo sencwadi sebandla?
2 Ukhuthazo Noncedo: Ekubeni amaqela esifundo sencwadi egcinwa emancinane ngabom, abo bezileyo banamathuba angakumbi okuvakalisa ukholo lwabo. Umphumo uba ‘kukukhuthazana elukholweni.’—Roma 1:12.
3, 4. Lisinceda njani ilungiselelo lesifundo sencwadi ukuba siphumeze ubulungiseleli bethu?
3 Ukondela indlela afundisa ngayo umveleli wesifundo sencwadi kunokusinceda ‘siliphathe ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso.’ (2 Tim. 2:15) Qwalasela indlela azigxininisa ngayo iZibhalo osekelwe kuzo umbandela. Ukuba kufanelekile ngaloo mpapasho ifundisiswayo, usenokubalaselisa iingongoma eziziintloko ngokwenza impinda xa equkumbela, esebenzisa iBhayibhile. Umzekelo wakhe omhle unokusinceda siphucule indlela esifundisa ngayo kubulungiseleli bamaKristu.—1 Kor. 11:1.
4 Ukongezelela ekuqhubeni isifundo seveki, umveleli wesifundo sencwadi uyakhokela kumsebenzi wokushumayela. Encedisana nomveleli wenkonzo, wenza amalungiselelo enkonzo yasentsimini. Ufuna ukunceda bonke abaseqeleni lakhe baphumeze imbopheleleko yabo yobuKristu yokushumayela iindaba ezilungileyo nokwenza abafundi.—Mat. 28:19, 20; 1 Kor. 9:16.
5. Luluphi uncedo olufumaneka kwisifundo sencwadi?
5 Umveleli wesifundo sencwadi unomdla kubumoya belungu ngalinye eliseqeleni lakhe. Umdla wakhe uwubonisa kwiintlanganiso zebandla naxa esebenza nabanye entsimini. Kwakhona usebenzisa amathuba axa etyelele abazalwana emakhayeni abo ukuze abelane nabo ngesipho esithile somoya. Bonke bafanele bazive bekhululekile ukuthetha nomveleli wesifundo sencwadi nanini na befuna uncedo lokomoya.—Isa. 32:1, 2.
6. (a) Baye bomelezwa njani abazalwana bethu kumazwe athile ngokuhlanganisana bengamaqela amancinane? (b) Wena, uye wangenelwa njani kwilungiselelo lesifundo sencwadi sebandla?
6 Yomelezanani: Kumazwe osemiqathangweni kuwo umsebenzi wabantu bakaThixo, ngokuqhelekileyo abazalwana baba ngamaqela amancinane. Omnye umzalwana ukhumbula oku: “Nangona umsebenzi wethu wawuvaliwe, nanini na ithuba livela sasiqhuba iintlanganiso zethu zeveki neveki singamaqela abunjwa ngabantu abali-10 ukusa kwabali-15. Iintlanganiso zazisomeleza ngokomoya, sincedwa kukufundisisa seBhayibhile nonxulumano lwethu emva kwesifundo. Sasibaliselana amava, oku kwakusinceda sikhumbule ukuba ngamnye wethu ujamelene namanzithinzithi afanayo.” (1 Pet. 5:9) Ngamana nathi ngendlela efanayo, singomelezana ngokulixhasa ngokupheleleyo ilungiselelo leSifundo Sencwadi Sebandla.—Efe. 4:16.