Ucwangciso Olutsha Lwendibano Ekhethekileyo Yosuku Olunye
Ukuba sibona okanye siva isilumkiso kodwa singasisi-so, sinokwehlelwa yintlekele. Kubaluleke nangakumbi ukulandela ukhokelo lokomoya esilunikwa nguYehova. Oku kuya kubalaseliswa kwindibano ekhethekileyo yosuku olunye yonyaka wenkonzo ozayo. Umxholo uthi, “Nikelani Ingqalelo Kwindlela Eniphulaphula Ngayo.”—Luka 8:18.
Kwintetho yaso yokuqala, isithethi esityeleleyo siya kuhlolisisa indlela isiluleko esikwizahluko zokuqala zencwadi ephefumlelweyo kaPawulos eyayisiya kumaHebhere esisebenza ngayo kuthi namhlanje. Kwintetho yaso yokuqukumbela ethi, “Qhubeka Unikela Ingqalelo Kwimfundiso Yobuthixo,” siya kusinceda sonke sihlolisise enoba simphulaphula ngokwenene na uYehova, uNyana wakhe, kunye ‘nekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’—Mat. 24:45.
Iintsapho ziya kungenelwa ngokukhethekileyo kwiinxalenye ezithile zolu cwangciso. Intetho ethi “Iintsapho Eziphulaphula ILizwi LikaThixo Ngaphandle Kweziphazamiso” iya kusinceda sikwazi ukuthintela ubumoya bethu bungaminxwa zizinto zeli hlabathi. Iya kuba nodliwano-ndlebe nabo baye benza utshintsho ukuze babeke izinto zokomoya kwindawo yokuqala. Intetho ethi “Indlela Ulutsha Lwethu Olomelezwa Ngayo Kukuphulaphula ILizwi LikaThixo” iya kuba nodliwano-ndlebe nolutsha oluye lwayimela inyaniso esikolweni, koontanga balo okanye entsimini. Ethi “Iimveku Eziphulaphula UThixo Zize Zifunde” iya kusinceda singawajongeli phantsi amandla okufunda abanawo abantwana. Udliwano-ndlebe nabantwana kunye nabazali babo luya kusinceda sibone iingenelo zokuqeqesha abantwana ngeendlela zikaYehova beseziimveku.
Ngoxa uSathana ‘elahlekisa umhlaba omiweyo uphela,’ uYehova ubonisa abakhonzi bakhe abathembekileyo indlela abafanele bahambe ngayo. (ISityhi. 12:9; Isa. 30:21) Ukuphulaphula imfundiso yakhe ngenyameko size ngokuthobeka siyisebenzise ebomini bethu kusenza sibe zizilumko, sonwabe yaye kusikhokelela kubomi obungunaphakade.—IMize. 8:32-35.