Iphulo Elikhethekileyo Lokuhambisa Incwadana Enemifanekiso Entsha
1 Namhlanje abantu abaninzi badandathekiswa ziimeko zeli hlabathi, kodwa bambalwa abasiqondayo isizathu sokuba kube nje, abaziyo ukuba libaphathele ntoni ikamva, nokuba bamele benze ntoni ukuze basinde kumgwebo ozayo. (Hez. 9:4) Ukuze sibancede baqonde intsingiselo yala maxesha siphila kuwo, ukususela ngoMvulo, Matshi 21 ukusa ngeCawa, Aprili 17 kuza kwenziwa iphulo lokuhambisa incwadana enemifanekiso ethi Hlalani Nilindile!
2 Le ncwadana inemifanekiso inokuhanjiswa kwindlu ngendlu, kumabuyelo, xa kunikelwa ubungqina obungacwangciswanga, okanye kwintsimi enabantu abaninzi. Sekunjalo, le ncwadana ayifanele ishiywe nje nakubani na. Kunoko, iya kunikwa kuphela abantu abanomdla koko kuthethwa yiBhayibhile ngentsingiselo yeziganeko zehlabathi. Abo bangenamdla kangako kwisigidimi sethu banokunikwa nokuba liphecana.
3 Usenokuthimba ingqalelo yomntu ngokuthi:
◼ “Abantu abaninzi baxhalatyiswe ziingxaki ezinkulu neziganeko ezikhwankqisayo ezenzeka umhla nezolo. [Yenza umzekelo ngento engundaba-mlonyeni ekuhlaleni.] Ubusazi ukuba iBhayibhile yazixela kusengaphambili ezi zinto? [Mvumele aphendule. Emva koko mfundele isibhalo esithetha ngalo mzekelo usandul’ ukumenzela wona, ezifana noMateyu 24:3, 7, 8; uLuka 21:7, 10, 11; okanye eyesi-2 kaTimoti 3:1-5.] IBhayibhile ityhila intsingiselo yala maxesha noko kuza kwenzeka eluntwini kwixa elizayo. Akungethandi ukwazi okungakumbi? [Mvumele aphendule. Mnike incwadana enemifanekiso ukuba unomdla wokwenene.] Le ncwadana inemifanekiso ayithengiswa. Ukuba unomdla wokunikela kumsebenzi owenziwa ehlabathini lonke, siya kukuvuyela kakhulu oko.”
4 Okanye nantsi indlela oya kuyifumanisa iphumelela:
◼ “Abaninzi banxunguphaliswe ziziganeko ezikhwankqisayo okanye zizinto ezilusizi ezibehlelayo. Bambi bazibuza isizathu sokuba uThixo engaziphelisi ezi zinto. IBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba kungekudala uThixo uya kulukhulula uluntu kwezi mbandezelo. Phawula iingenelo uThixo aya kuzizisela uluntu. [Funda INdumiso 37:10, 11.] Akungethandi ukwazi okungakumbi?” Qukumbela ngale ndlela kuchazwe ngayo kwisiqendu esingasentla.
5 Bhala igama nedilesi yomntu ngamnye omnike le ncwadana inemifanekiso, uze ulungiselele ukubuyela ukuze ukhulise umdla wakhe. Amacebiso endlela onokuwukhulisa ngayo umdla aya kunikelwa kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani buka-Aprili 2005. Ukuba umntu ubonakala enomdla kutyelelo lokuqala, qalisa isifundo seBhayibhile ngoko nangoko usebenzisa le ncwadana inemifanekiso okanye enye impapasho, njengethi Okufunwa NguThixo.
6 Le ncwadana inemifanekiso iza kufumaneka emva kweNtlanganiso Yenkonzo eliye laxutyushwa ngayo eli nqaku. Kucetyiswa ukuba oovulindlela nabavakalisi bathabathe kuphela iinkupho abaza kuzihambisa kwiintsuku zokuqala zeli phulo. Ngamana uYehova angawusikelela lo msebenzi ukhethekileyo ukuze adunyiswe nokuze kungenelwe abaneentliziyo ezinyanisekileyo abakulo lonke eli.—INdu. 90:17.