Izaziso
◼ NgoMeyi kuza kuhanjiswa ezi mpapasho zilandelayo: IMboniselo noVukani! NgoJuni: Hlalani Nilindile! NgoJulayi nangoAgasti: Nayiphi na incwadana enemifanekiso enamaphepha angama-32, ngaphandle kwethi AmaNgqina KaYehova Nemfundo, Igazi Linokubusindisa Njani Ubomi bakho?, AmaNgqina KaYehova—Angoobani? Yintoni Ayikholelwayo?, nethi “Khawubone Eli Lizwe Lihle.”
◼ Umveleli owongamelayo okanye nabani na ogunyaziswe nguye ufanele ahlole imali yebandla ngoJuni 1 okanye ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka emva koko. Ukuba ninenye iakhawunti yebhanki esecaleni, njengeyemali yokuhlaziya iHolo okanye yokwakha, nayo nifanele niyihlole. Xa oku kugqityiwe, kufanele kuchazwe ebandleni xa kusenziwa ingxelo yemali elandelayo.
◼ NCEDANI NIPHAWULE: Xa nitsalela umnxeba kwiofisi yesebe, sicela nikhumbule ezi nkalo zilandelayo: (1) Amalungu entsapho yaseBheteli watsaleleni umnxeba ngexesha angekho msebenzini ngalo, ngaphandle kwaxa kukho into engxamisekileyo. (2) Xa nitsala umnxeba kuba nifuna ukuconjululelwa ingxaki okanye nifuna ukubuza into, ncedani nichaze ukuba nifowuna niphi yaye yintoni enifuna ukuthetha ngayo. Asikhuthazi ukuba abadala bacele umzalwana othile kuba kusenokwenzeka ukuba utshintshiwe waya kusebenza kwelinye isebe okanye imeko ayimvumeli ukuba ancede. Umntu ophendula iminxeba uya kukwazi ukunifaka kwisebe elifanelekileyo. Ncedani nizame ukubetha koomofu ukuze kongiwe ixesha. (3) Xa unengxaki ongathanda ukuyithetha, nceda uyithethe nabadala bebandla okulo kuqala ngaphambi kokuba ufowunele iofisi yesebe. Ngabo abanokukwazi bhetele ukukunceda kwimibuzo okanye kwiingxaki onazo. Sinikhuthaza NONKE, kuquka nabadala, ukuba nibhale ileta echaza loo ngxaki, ngaphandle kokuba yinto engxamisekileyo. Siya kukuvuyela ukuyisingatha ngokukhawuleza loo nto.—Bona Isingxobo Semibuzo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaDisemba 1992, iphepha 5.
◼ Iimpapasho Ezintsha Ezifumanekayo:
Elementary Bible Teachings—ngesiKwangali
◼ IiDVD Ezintsha Ezifumanekayo:
They Bore Thorough Witness to the Good News—ngeNtetho Yezandla YaseMerika