Ngaba Uyazisebenzisa Izimemo?
Omnye umfana oneminyaka eli-11 ubudala wafumana isimemo esibhengeza intetho yesidlangalala ethetha ngesihogo. Kamva uthi: “Oku kwandenza ndaba nomdla ngokwenene, ekubeni ndandisoloko ndisenza okuphosakeleyo, yaye ndandisoyika ukuya kwisihogo somlilo xa ndisifa.” Waya kuloo ntetho, yaye malunga neminyaka emithathu kamva, emva kwesifundo seBhayibhile awaqhutyelwa sona izihlandlo eziliqela, wabhaptizwa. Waqala ngolo hlobo ke uKarl Klein ukuba ngumKristu, owathi kamva wakhonza iminyaka emininzi njengelungu leQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova. Konke oku kwaqala nje ngesimemo.
Izimemo zisaqhubeka ziyindlela ephumelelayo yokunikela ubungqina namhlanje. Abavakalisi abaninzi bazifumanisa ziyindlela elula yokuzazisa neyokuqalisa incoko. Abazali banokubandakanya abantwana babo entsimini ngokubanika ithuba lokuba bahambise izimemo ezindlwini. Abavakalisi abashumayela ngeeleta banokumemela abantu kwiintlanganiso ngokufaka isimemo kwiileta zabo. Phofu ke, izimemo zenza kube lula ukumema izifundo zeBhayibhile nabanye abantu abanomdla kwiintlanganiso zethu.
Ngaphambili kwisimemo kukho inkcazelo emfutshane yentlanganiso nganye. Ekubeni iidilesi zeHolo yoBukumkani namaxesha eentlanganiso engabhalwanga, kuya kufuneka uzichaze ezo zinto xa uhambisa eso simemo. Kukho indawo onokubhala kuyo loo nkcazelo kwisimemo xa kuyimfuneko. Ngaba uyazisebenzisa izimemo entsimini?