IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 3/06 iphe. 7
  • IZaziso

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • IZaziso
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2006
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2006
km 3/06 iphe. 7

IZaziso

◼ NgoMatshi kuza kuhanjiswa incwadi ethi Funda Kumfundisi Omkhulu. NgoAprili nangoMeyi: IMboniselo noVukani! NgoJuni: Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?

◼ Ekubeni uAprili eneempelaveki ezipheleleyo ezintlanu, uya kuba yinyanga entle yokuba nguvulindlela ongumncedani.

◼ ISikhumbuzo siza kuba ngoLwesithathu, Aprili 12, 2006. Ukuba ngokuqhelekileyo ibandla lenu liqhuba iintlanganiso ngoLwesithathu, mazitshintshelwe kolunye usuku evekini eya kufumaneka ngalo iHolo yoBukumkani. Ukuba anikwazi kutshintsha yaye yiNtlanganiso Yenkonzo ebandakanyekileyo, iintetho ezichaphazela ibandla lenu zifakeni kwenye iNtlanganiso Yenkonzo.

◼ Amabandla afanele anike abavakalisi iiMboniselo nooVukani! kamsinya emva kokuba zifikile. Loo nto iya kubanceda baqhelane noko kuqulethwe ngala maphephancwadi ngaphambi kokuba bawahambise entsimini. NoBulungiseleli Bethu BoBukumkani bufanele bunikwe abavakalisi ngokukhawuleza bakuba bufikile. Abavakalisi banokubunikwa kwiSifundo Sencwadi Sebandla.

◼ Ividiyo ethi Noah—He Walked With God iza kuxutyushwa kwiNtlanganiso Yenkonzo kaMeyi. Ukuba kuyimfuneko, kufanele kuodolwe iikhasethi zayo ngebandla ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka.

◼ Iimpapasho ZeBraille Ezintsha Ezifumanekayo:

Konke Ukubandezeleka Sele Kuza Kuphela! (Tract No. 27)—ngeGrade-two English

Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?—ngeGrade-two English

◼ Iimpapasho Ezintsha Ezifumanekayo:

Konke Ukubandezeleka Sele Kuza Kuphela! (Tract No. 27)—ngesiBhulu, ngesiChichewa, ngesiCibemba, ngesiKhoekhoegowab, ngesiKwangali, ngesiKwanyama, ngesiNdonga, ngesiNgesi, ngesiPedi, ngesiPhuthukezi, ngesiShona, ngesiSilozi, ngesiSuthu, ngesiTsonga, ngesiTswana, ngesiVenda, ngesiXhosa, ngesiZulu

INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike—ngesiPedi

Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?—ngesiBhulu, ngesiChichewa, ngesiCibemba, ngesiFrentshi, ngesiGrike, ngesiKwangali, ngesiKwanyama, ngesiNdonga, ngesiNgesi, ngesiPedi, ngesiPhuthukezi, ngesiSilozi, ngesiShona, ngesiSuthu, ngesiTshayina Esilula (isiPinyin), ngesiTsonga, ngesiTswana, ngesiVenda, ngesiXhosa, ngesiZulu

Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? (Ngamagama Amakhulu)—ngesiChichewa, ngesiCibemba, ngesiFrentshi, ngesiNgesi, ngesiPhuthukezi, ngesiShona, ngesiZulu

◼ Iikhasethi Ezintsha Ezifumanekayo:

Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?—ngesiNgesi

◼ IiCD Ezintsha Ezifumanekayo:

Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?—ngesiNgesi, ngesiFrentshi

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share