IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 4/07 iphe. 7
  • IZaziso

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • IZaziso
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2007
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2007
km 4/07 iphe. 7

IZaziso

◼ NgoAprili nangoMeyi kuza kuhanjiswa IMboniselo noVukani! NgoJuni: Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho. NgoJulayi nangoAgasti: Nayiphi na kwezi ncwadana zinemifanekiso ezinamaphepha angama-32 inokusetyenziswa: Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele? Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade!, Hlalani Nilindile!, Ngaba Ufanele Ukholelwe KuBathathu Emnye?, Imimoya Yabafileyo—Ngaba Inokukunceda Okanye Inokukwenzakalisa? Ngaba Ikho Ngokwenene?, Igama LikaThixo Eliya Kuhlala Likho Ngonaphakade, URhulumente Oya Kuzisa IParadesi, Indlela Ekhokelela Ebomini—Ngaba Uyifumene? nethi Xa Umntu Omthandayo Esifa.

◼ Oonobhala bamabandla bafanele babe nesixa esaneleyo sefomu ethi Isicelo Senkonzo Yobuvulindlela Obuthe Ngxi (S-205) nethi Isicelo Senkonzo Yobuvulindlela Bobuncedani (S-205b). Ezi zinokuodolwa kwiFomu Yokucela Uncwadi (S-14). Mabaqiniseke ukuba ubuncinane banesixa sonyaka. Ngaphambi kokuba nithumele iifomu zesicelo sobuvulindlela obuthe ngxi kwisebe leofisi, qinisekani ukuba zizaliswe kakuhle.

◼ Kubalulekile ukuba iofisi yesebe igcine ingxelo yakutshanje yeedilesi neenombolo zabaveleli abongamelayo noonobhala. Ukuba kukho utshintsho, iKomiti Yenkonzo Yebandla ifanele izalise, ityobele ize ithumele ngokukhawuleza ifomu ethi Utshintsho Lwedilesi Yomveleli Owongamelayo/Nonobhala (S-29) kwiofisi yesebe. Oku kuquka ukutshintsha kweekhowudi zeenombolo zemfonomfono.

◼ Nanini na usenza amalungiselelo okukhenketha yaye ufuna ukuya kwiintlanganiso zebandla, kwiindibano ezincinane okanye ezinkulu ezikwamanye amazwe, isicelo sakho ngokuphathelele imihla, ixesha neendawo ufanele usithumele kwiofisi yesebe eyongamela umsebenzi kwelo lizwe. Iidilesi zeeofisi zamasebe zidweliswe kwiphepha lokugqibela leNcwadi Yonyaka yakutshanje.

◼ Abanye baye babuza enoba bangakwazi ukwenza ikopi yeWatchtower Library ekwiCD-ROM besenzela abanye ebandleni, okanye bavumele abanye bayikhuphele kwiikhompyutha zabo bandule ke bayibuyisele kubo le CD-ROM. Isivumelwano sephepha-mvume, esivelayo xa ufakela le nkqubo yekhompyutha nesifumaneka kwiappendix kwindawo ethi Help, sithi oko akuvumelekanga. Abazalwana noodade bakhuthazwa ukuba bazifumanele ezabo iikopi zeWatchtower Library ngebandla labo.

◼ Unobhala ufanele aqiniseke ukuba iKomiti Yokwakha Yenqila iyayazi imeko yabo bonke abavakalisi ababhaptiziweyo abaye bathumela iifomu zeKingdom Hall Volunteer Worker Questionnaire (S-82). Xa kukho utshintsho kwimeko yetsha-ntliziyo ngalinye, mhlawumbi lifudukile okanye limiselwe njengesicaka solungiselelo okanye umdala, kufanele kuzaliswe enye ifomu ize ithunyelwe ngokukhawuleza. Ukuba elo tsha-ntliziyo litshintshe idilesi okanye iinombolo zemfonomfono okanye alisenako ukuma okuhle nebandla, abadala bafanele babhalele iKomiti Yokwakha Yenqila ngokukhawuleza. Imibhalo yeeS-82 ezizalisiweyo ezikwifayile yebandla ifanele inikwe umveleli wesiphaluka ukuze ayihlole xa etyelele ibandla.

◼ Kwakhona silungiselela indibano yosuku olukhethekileyo yentetho yezandla kwiHolo YeNdibano Yase-Eikenhof ngoMeyi 13, 2007. Indibano yesiphaluka yentetho yezandla iza kubakho ngoAgasti 25, 26, 2007, kwakwindawo efanayo. Ngaphezu koko, siyakuvuyela ukwazisa abakwintsimi yabentetho yezandla ukuba indibano yesithili yeentsuku ezintathu yokuqala ngentetho yezandla iza kubakho ngoDisemba 14-16, 2007, kwiHolo YeNdibano Yase-Eikenhof. Esi saziso sisenza kusengaphambili ukuze sinike ithuba lokuba abantu abaninzi abakwintsimi yentetho yezandla abaseMzantsi Afrika nakwamazwe aselumelwaneni bakwazi ukuya.

◼ PHAWULANI: Xa nifowunela iofisi yesebe, sicela nikhumbule ezi zinto zilandelayo: (1) Ngaphandle kweemeko ezingxamisekileyo, sicela nifowunele amalungu entsapho yaseBheteli kuphela emva kotshayile. (2) Xa nifowunela into ebandakanyeke ingxaki ethile okanye nifuna ukubuza into ethile, sicela nichaze ngokucacileyo apho nifowuna khona nento eniyifowunelayo. Sicela abadala bangaceli ukuthetha nomntu othile kuba kusenokwenzeka ukuba loo mzalwana wabelwe kwelinye isebe okanye akakwazi ukubanceda. Umntu ophendula iifowuni uza kukwazi ukukuthumela kwisebe elifanelekileyo. Sicela niwenze abe mafutshane xa nifowunile ukuze nonge ixesha. (3) Ukuba unengxaki ethile ungathanda ukuxubusha ngayo, sicela uthethe nabadala bebandla lakho ngaphambi kokufowunela iofisi yesebe. Ngabona banokukwazi ukukunceda kumbuzo okanye kwingxaki onayo. Ngaphandle kokuba kukho imeko engxamisekileyo, sinikhuthaza NONKE, kuquka abadala, babhale ileta echaza le ngxaki. Singakuvuyela ukuninceda ngokukhawuleza.—Bona Isingxobo Semibuzo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaDisemba 1992, kwiphepha 5.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share