Ngaba Unokungena ‘Kumnyango Omkhulu Okhokelela Emsebenzini’?
1. Nguwuphi “umnyango omkhulu okhokelela emsebenzini” esiwuvulelweyo?
1 Xa “umnyango omkhulu okhokelela emsebenzini” wavulelwa umpostile uPawulos, walisebenzisa elo thuba ukuze aqhubele phambili izilangazelelo zoBukumkani nangona kwakukho abachasi abaninzi. (1 Kor. 16:9) Namhlanje abavakalisi boBukumkani abamalunga nama-642 000 ehlabathini lonke baye bangena kulo mnyango ukhokelela emsebenzini ngokuba ngoovulindlela abathe ngxi.
2. Kutheni kubalulekile ukuhlola iimeko zethu maxa wambi?
2 Iimeko Ziyatshintsha: Nangona iimeko zethu zinokuwusikela umda umsebenzi esiwenzayo, kodwa ziyatshintsha. Ngenxa yoko, kucebiseka ukuba sihlole iimeko zethu maxa wambi size singalindi ukuba zide zibe zezigqibeleleyo. (INtshu. 11:4) Ngaba ungumntu oselula osele eza kugqiba isikolo samabanga aphakamileyo? Ngaba ungumzali onabantwana abaza kuqala esikolweni kungekudala? Ngaba sele uza kudla umhlala-phantsi kumsebenzi wakho wengqesho? Olo tshintsho lusenokukuvulela ithuba lokukwazi ukuba nguvulindlela othe ngxi. Omnye udade owayekhathazwa yimpilo ngaphambili wagqiba kwelokuba abhalise njengovulindlela xa wayeneminyaka engama-89 ubudala. Kwakutheni ukuze enze oko? Ekubeni wayesele enonyaka engasaguli kakhulu, wacinga ukuba impilo iya kumvumela ukuba abe nguvulindlela.
3. Abanye baye benza luphi uhlengahlengiso ukuze babe ngoovulindlela abathe ngxi?
3 Ekuqaleni uPawulos wayefuna ukutyelela abazalwana bakhe baseKorinte. Kodwa, wahlengahlengisa iimeko zakhe ngenxa yeendaba ezilungileyo. Abaninzi abangoovulindlela abathe ngxi namhlanje kuye kwafuneka batshintshe izinto eziliqela ukuze bafikelele olo sukelo. Abanye baye babenza lula ubomi babo ukusa kwinqanaba lokuba kufuneke nje umsebenzi wesingxungxo ukuze bakwazi ukunyamekela iindleko zabo zokuphila eziphantsi. Baye bavuyiswa lilungelo abanalo lenkonzo. (1 Tim. 6:6-8) Ezinye izibini ezitshatileyo ziye zenza utshintsho oluye lwazivumela ukuba ziphile ngemali yomntu omnye kuphela, nto leyo eyenza ukuba umfazi akwazi ukuba nguvulindlela.
4. Yintoni esinokuyenza xa singaqinisekanga ngokuba siya kusizalisa isisikelo seeyure?
4 Ungakhawulezi uthi akunakukwazi ukuba nguvulindlela ngenxa yokuvakalelwa kukuba akunakukwazi ukuzalisa isisikelo seeyure. Kufuneka nje ngaphezu kweeyure ezimbini ngosuku. Ukuba akuqinisekanga ukuba ungakwazi, zama ukuba nguvulindlela ongumncedani kangangenyanga enye okanye ezimbini kodwa uzibekele usukelo lweeyure ezingama-70. Oku kuya kukwenza ungcamle uvuyo lokuba nguvulindlela. (INdu. 34:8) Thetha nabo sele bengoovulindlela. Kusenokwenzeka baye bahlangabezana nocelomngeni olufana nolwakho. (IMize. 15:22) Cela uYehova asikelele imigudu oyenzayo yokwandisa inkonzo yakho.—1 Yoh. 5:14.
5. Kutheni ubuvulindlela obuthe ngxi bulusukelo olubalulekileyo?
5 Usukelo Olubalulekileyo: Ukuba nguvulindlela othe ngxi kuneentsikelelo ezininzi. Kukunika ithuba lokufumana uvuyo oluhambisana nokupha. (IZe. 20:35) Ubuvulindlela buya kuphucula ubuchule bakho bokuliphatha ngokufanelekileyo iLizwi likaThixo. (2 Tim. 2:15) Buya kukunika amathuba angakumbi okubona indlela uYehova axhasa ngayo. (IZe. 11:21; Fil. 4:11-13) Kanti ubuvulindlela buya kukunceda ube nazo neempawu zokomoya ezinjengonyamezelo yaye buya kukusondeza kuYehova. (Yak. 4:8) Ngaba unokungena kulo mnyango mkhulu ukhokelela emsebenzini uze ube nguvulindlela othe ngxi?