IZaziso
◼ NgoJulayi nangoAgasti kuza kuhanjiswa nayiphi na kwezi ncwadana zinemifanekiso zinamaphepha angama-32: Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele? Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade!, Hlalani Nilindile!, Ngaba Ufanele Ukholelwe KuBathathu Emnye?, Imimoya Yabafileyo—Ngaba Inokukunceda Okanye Inokukwenzakalisa? Ngaba Ikho Ngokwenene?, Igama LikaThixo Eliya Kuhlala Likho Ngonaphakade, URhulumente Oya Kuzisa IParadesi, Indlela Ekhokelela Ebomini—Ngaba Uyifumene? nethi Xa Umntu Omthandayo Esifa. NgoSeptemba: Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? Yenza umgudu okhethekileyo wokuqalisa izifundo zeBhayibhile kutyelelo lokuqala. Xa umninimzi sele enayo le ncwadi, mbonise indlela anokuzuza ngayo ngokumbonisa indlela yokuqhuba isifundo. Ngo-Oktobha: IMboniselo noVukani!
◼ Ukususela ngoSeptemba, umveleli wesiphaluka uza kunikela intetho yesidlangalala enomxholo othi “Yintoni Ebonisa Ukuchana KweBhayibhile?”
◼ Kunconyelwa ukuba zonke iifomu zobuvulindlela obuthe ngxi zithunyelwe kwiofisi yesebe ubuncinane kwiintsuku ezingama-30 ngaphambi komhla wokuqalisa kukavulindlela. Unobhala webandla ufanele ahlole ezi fomu aze aqiniseke ukuba zizaliswe kakuhle. Ukuba abo babhalisela ukuba ngoovulindlela abasalukhumbuli usuku lwabo lokubhaptizwa, bafanele baluqikelele baze balubhale phantsi. Unobhala ufanele alubhale kwikhadi leNgxelo Yomvakalisi Webandla (S-21) olu suku.
◼ Isitokhwe salo lonke uncwadi namaphephancwadi akhoyo sifanele sibalwe ngoAgasti 31, 2007 okanye kufutshane nolo suku kangangoko kunokwenzeka. Oku kubalwa kwesitokhwe kuyafana noko kwenziwa nyanga nganye ngumlungelelanisi woncwadi, kwaye izimbuku zifanele zibhalwe kwifomu yoKuma Kweencwadi (S-18). Sicela niqiniseke ukuba ngaphambi kokuba nibale isitokhwe, abavakalisi bazifumene iincwadi zesicelo esikhethekileyo abaye bazioda. Isimbuku samaphephancwadi akhoyo sifanele sifunyanwe kwisicaka samaphephancwadi. Unobhala webandla elilungelelanisa uncwadi ufanele alathise ukubalwa kwesitokhwe. Yena nomveleli owongamelayo webandla elilungelelanisa uncwadi baya kuyityobela le fomu. Ibandla elilungelelanisa uncwadi ngalinye liya kufumana iifomu ezintathu zoKuma Kweencwadi kwioda yalo yangoJulayi noAgasti. Sicela nithumele ifomu yokuqala kwiofisi yesebe ngaphambi kukaSeptemba 6. Gcinani ikopi yayo kwiifayile zenu. Ikopi yesithathu ninokuyisebenzisa xa nibala.
◼ Sicela niphawule ukuba incwadi yesibini esiyisebenzisayo ekuqhubeni isifundo nomntu osemtsha yethi Nqula Okuphela KoThixo Oyinyaniso. Amaxesha amaninzi abavakalisi badla ngokuqalisa isifundo seBhayibhile kwincwadana ethi Okufunwa NguThixo baze emva koko bafunde incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile. Ukuze abasebatsha babe nesiseko esiqinileyo senyaniso, kunconyelwa ukuba kufundwe nencwadi yesibini ethi Nqula Okuphela KoThixo Oyinyaniso, nokuba sele sibhaptiziwe.
◼ IDVD Entsha Efumaneka Ngeelwimi Ezahlukahlukeneyo:
The Bible—A Book of Fact and Prophecy (dvbbl-DVC)—ngesiArabhu, isiDatshi, isiNgesi, isiMalagasy, isiPhuthukezi (saseBrazil), isiPhuthukezi (saseYurophu), iSpanish (KwiDVD enye)