Masiqhubeke Siyikhuthalela Intsimi
1 Ukususela ngowe-1992, nyaka ngamnye, amaNgqina kaYehova aye azibhokoxa kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nowokwenza abafundi, echitha iiyure eziliwaka lezigidi. Sivuya ngokwenene kuba nathi siye sanegalelo kulo msebenzi mhle!—Mat. 28:19, 20.
2 Kakade ke, nguYehova ofanele abulelwe yaye adunyiswe kuba eye wasixhasa kubulungiseleli bethu kula “maxesha amanqam.” (2 Tim. 3:1) Yintoni esifanele siyenze ukuze siqhubeke sikhuthele kulo msebenzi ubalulekileyo?
3 Isizathu Sokukhuthala: Into esenza sizinikele kwinkonzo yoBukumkani kukuthanda uThixo nabamelwane bethu, nokukunqwenela ngokwenene ukufezekisa uzahlulelo lwethu. (Mat. 22:37-39; 1 Yoh. 5:3) Uthando lusenza sincame izinto ezithile ukuze sibe negalelo elikhulu kumsebenzi wokushumayela.—Luka 9:23.
4 Zama Ukuqhubeka Ukhuthele: Utshaba lwethu olunguMtyholi lwenza konke okusemandleni alo ukuthibaza inzondelelo yethu entsimini. Ukungabi namdla kwabantu abakwintsimi yethu, iziphazamiso zeli hlabathi, iingxaki zemihla ngemihla, kunye nokuxhalabela impilo yethu eya isiba nkenenkene zezinye zezinto oluzisebenzisayo kwimizamo yalo yokusidimaza.
5 Ngoko ke, masenze konke okusemandleni ethu ukuze siqhubeke sikhuthele kulo msebenzi. Kubalulekile ukuba sibe ‘nothando esasinalo kuqala.’ Oko kuquka ukufunda nokucamngca rhoqo ngeLizwi likaThixo, iBhayibhile, nokusebenzisa amalungiselelo okomoya avela ‘kwikhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’—ISityhi. 2:4; Mat. 24:45; INdu. 119:97.
6 Njengoko iziprofeto zeBhayibhile zibonisa, imini kaYehova yokutshabalalisa abantu abangamhloneliyo uThixo isemnyango. (2 Pet. 2:3; 3:10) Sicinga ngaloo nto, masizame ngamandla ukuhlala sikhuthele entsimini, sibe negalelo elikhulu kumsebenzi owenziwa ehlabathini wokushumayela ngoBukumkani nowokwenza abafundi oqhubekayo sithetha nje!