IZaziso
◼ NgoDisemba kuza kuhanjiswa incwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila. NgoJanuwari: Hlalani Nilindile! Ukuba aninayo esitokhweni, ninokuhambisa incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo. NgoFebruwari: Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho. NgoMatshi: Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
◼ NgoDisemba 1 okanye ngokukhawuleza emva koko, umveleli owongamelayo okanye nabani na ogunyaziswe nguye ufanele ahlole iingxelo zemali yebandla zikaSeptemba, Oktobha noNovemba. Akumele kusetyenziswe umntu omnye ukuhlola iingxelo zemali ngokulandelelana. Ukuba ninenye iakhawunti yebhanki, njengeyokulungisa okanye ukwakha iholo, nayo mayihlolwe. Emva kokuba ihloliwe, makwenziwe isaziso ebandleni emva kokuba kwenziwe ingxelo yemali elandelayo. Amabandla abhaliswe njengeePBO afanele athumele iingxelo zemali ezihloliweyo zezi nyanga zintathu kwiofisi yesebe ngokukhawuleza. Unobhala nesicaka semali bamele baqiniseke ukuba iingxelo zemali zizaliswe ngokupheleleyo nakakuhle, kwaye ezi zinto zilandelayo zikho: Iphepha Lengxelo Yemali (S-26), Ingxelo Yemali Yebandla Yenyanga (S-30), Iirisithi (S-24), iziliphu zeendleko nezitatimenti zebhanki zenyanga nganye (ukuba ibandla linayo iakhawunti). Emvulophini bhalani ngokucacileyo nithi: Accounting Office—PBO Registration.
◼ Sicela niphawule ukuba iSikhumbuzo sowama-2009 siza kuba ngoLwesine, Aprili 9, emva kokutshona kwelanga. Esi saziso senziwa kwangaphambili ukuze abazalwana benze amalungiselelo okufumana iiholo xa kukho amabandla aliqela asebenzisa iHolo yoBukumkani enye. Kwezinye iimeko, abadala bafanele benze isivumelwano nabantu abaqeshisa ngezo holo ukuze baqiniseke ukuba akusayi kubakho ziphazamiso ngenxa yezinye izinto eziza kwenziwa kuloo holo ukuze umsitho weSikhumbuzo uqhutywe ngendlela eseluxolweni nenocwangco.
◼ Kulungiselelwe ukuba kubekho indibano yesithili yesiVenda yeentsuku ezimbini eza kuqhutywa kwiHolo yeNdibano yase-Eikenhof ngoDisemba 22-23, 2007. Bonke abavakalisi abathetha isiVenda eGauteng nakwiindawo ezikufuphi bayamenywa kule ndibano.
◼ Maxa wambi isebe liye lifumane iioda zoncwadi ezingxamisekileyo. Sicela niyeke ukuthumela iioda ezingxamisekileyo, ngaphandle kokuba nithunyelelwe ioda engachananga. Siye sinixelele kwangexesha ngoncwadi oluza kuhanjiswa, ngamaphulo akhethekileyo, ngeencwadi eziza kufundwa kwiintlanganiso nangeefomu eziza kusetyenziswa. Xa izinto niziceba kakuhle, akuyi kuba yimfuneko ukuthumela iioda ezingxamisekileyo. Iioda zoncwadi zifanele zithunyelwe ngokukhawuleza nyanga nganye kwanokuba zizinto nje ezimbalwa.
◼ Akuvumelekanga ukuba abazalwana baze kuzilandela iincwadi zebandla labo eBheteli. Kukho ucwangciso olulandelwayo lokuthumela iioda zebandla ngalinye. Ekubeni umsebenzi umninzi ngoku, asinakukwazi ukuphazamisana nolo cwangciso size sihoye iioda enize kuzilanda. Kodwa ke, abazalwana bavumelekile ukuba bashiye iiFomu Zesicelo Soncwadi (S-14) zamabandla abo xa betyelele eBheteli.
◼ Amabandla anokuqalisa ngoku ukuoda iWatchtower Library—2007 (cdly07). Le programu yeyesicelo esikhethekileyo, nto leyo ethetha ukuba yenzelwe abavakalisi ababhaptiziweyo kwaye ifumaneka kuphela ngokuba uyiode ebandleni. Asiyiniki uwonke wonke okanye abantu abanomdla kumaNgqina kaYehova. IWatchtower Library—2007 iza kufumaneka ngesiFrentshi, ngesiNgesi, ngesiPhuthukezi, ngesiTshayina esiqhelekileyo nangesenziwe lula. Sicela niphawule ukuba icdly07-CH iza kuba neprogramu yecdly07 ngesiTshayina esiqhelekileyo nangesenziwe lula.
◼ Sicela niphawule ukuba incwadana ethi Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla—2008—Enamagama Amakhulu (eslp08) yeyesicelo esikhethekileyo ibe ngenxa yoko ayiyi kuthunyelwa isisixa njengencwadana ethi Ukuhlolisisa IZibhalo—2008 (es08). Kuya kufuneka ukuba amabandla ayiode.
◼ Sikhumbuza oonobhala bamabandla ukuba benze oko bacelwe ukuba mabakwenze kwileta ka-Oktobha 1, 2007 ngokuphathelele izicelo ezikhethekileyo zamaphephancwadi awongezelelekileyo aza kusetyenziswa ngoMatshi, ngoAprili nangoMeyi 2008.
◼ Iminikelo efakwa kwibhokisi yeNgxowa-mali YeeHolo ZoBukumkani (KHF) isetyenziselwa ukwakha iiHolo zoBukumkani zamanye amabandla. Le minikelo ifanele ithunyelwe kwiofisi yesebe nyanga nganye. Ukuba ibandla lenu lihlawula imali-mboleko yeHolo yoBukumkani, okanye linenye ingxowa-mali yeHolo yoBukumkani yenu, iminikelo yenu ifanele ifakwe kwibhokisi ebhalwe “Contributions for Local Congregation [Iminikelo Yebandla].”
◼ Iimpapasho Ezintsha Ezifumanekayo:
Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho (fy)—ngesiKwangali
◼ IiDVD Ezintsha Ezifumanekayo:
Pursue Goals That Honor God (dvpsg)—ngesiNgesi
Respect Jehovah’s Authority (dvru)—ngeNtetho Yezandla YaseMerika
Warning Examples for Our Day (dvwx)—ngeNtetho Yezandla YaseMerika