Impinda Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
Le mibuzo yempinda ilandelayo iza kuxutyushwa kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo kwiveki eqala ngoFebruwari 25, 2008. Umveleli wesikolo uya kuqhuba impinda yemizuzu engama-30 esekelwe kumbandela wezabelo zeveki esusela ngoJanuwari 7 ukusa kuFebruwari 25, 2008. [Phawula: Kwimibuzo ekungabhalwanga zimbekiselo kuyo, kuya kufuneka uzenzele uphando ukuze ufumane iimpendulo.—Bona incwadi ethi ISikolo Sobulungiseleli, iphe. 36-7.]
IIMPAWU ZENTETHO
1. Yintoni esifanele siyenze ukuze sincede abaphulaphuli baqonde intsingiselo yezibhalo, yaye kutheni ifanele yenziwe loo nto? [be-XO iphe. 228 isiqe. 2-3]
2. Kutheni kubalulekile ukwenza iintshumayelo zethu zibafundise okuthile abaphulaphuli bethu, yaye sinokuyenza njani loo nto? [be-XO iphe. 230 isiqe. 3-5, ibhokisi]
3. Uphando lunokuzenza zifundise ngakumbi njani iintetho zethu? [be-XO iphe. 231 isiqe. 1-3]
4. Yintoni esinokuyenza ukuze izibhalo sizisebenzise ngendlela efundisayo? [be-XO iphe. 231 isiqe. 4-5]
5. Kutheni kubalulekile nje ukuqiqa ngezibhalo esizifundayo? [be-XO iphe. 232 isiqe. 3-4]
ISABELO 1
6. Yintoni ebonisa ukuba incwadi kaMateyu ngokuyintloko yabhalwa kucingwa ngamaYuda? [si-XO iphe. 176 isiqe. 6-7]
7. Yintoni esinokuyenza ukuze silungise iintliziyo zethu ukuba zifumane imfundiso kaThixo kwisithethi esiseqongeni? (2 Kron. 20:33) [be-XO iphe. 13 isiqe. 4–iphe. 14 isiqe. 5]
8. Yintoni enokunceda abazali baqeqeshe abantwana babo babe ‘nobulumko obusa elusindisweni’? (2 Tim. 3:15) [be-XO iphe. 16 isiqe. 3-4]
9. Incwadi yeVangeli kaMateyu ikubethelela njani ukuzaliseka kwesiprofeto seBhayibhile? [si-XO iphe. 181 isiqe. 32]
10. Ngoxa iVangeli kaMateyu ichaza uYesu njengoMesiya noKumkani othenjisiweyo, imchaza njani iVangeli kaMarko? [si-XO iphe. 182 isiqe. 7-8]
UFUNDO LWEBHAYIBHILE LWEEVEKI NGEEVEKI
11. Ngaba ukwenza izinto ngomsindo kuyingozi kakhulu kunokuwufukama? (Mat. 5:21, 22) [w08-XO 1/15 “ILizwi LikaYehova Liphilile—Iimbalasane Zencwadi KaMateyu”]
12. AmaKristu aligcina njani ‘iliso lawo lingenakumbi’? (Mat. 6:22, 23) [w06-XO 10/1 iphe. 29]
13. Yiyiphi ingongoma eyavezwa nguYesu xa wathi kubafundi bakhe: “Niziqondile na zonke ezi zinto?” (Mat. 13:51, 52) [w08-XO 1/15 “ILizwi LikaYehova Liphilile—Iimbalasane Zencwadi KaMateyu”]
14. Kwakutheni ukuze uYesu axelele abantu awayebaphilisa “ukuba bangamvezi”? (Mat. 12:16) [w87-XO 5/15 iphe. 9; cl-XO iphe. 93-4]
15. Yiyiphi ingongoma eyayibethelelwa nguYesu xa wayethetha ‘ngomlinganiselo ubani alinganisela ngawo’? (Marko 4:24, 25) [w80 6/15 iphe. 12; gt-XO isahlu. 43]