Izaziso
◼ Uncwadi oluza kuhanjiswa ngoMatshi: Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? NgoAprili nangoMeyi: IMboniselo noVukani! NgoJuni: Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
◼ Kucwangciso lweNtlanganiso Yenkonzo ka-Agasti kuza kuxutyushwa ividiyo ethi Jehovah’s Witnesses—Organized to Share the Good News. Ukuba kuyimfuneko, ibandla limele liode le vidiyo ngokukhawuleza.
◼ Ngaba ungakwazi ukuya kukhonza eNamibia apho kufuneka abavakalisi abangakumbi? Urhulumente waseNamibia uya esiba madolw’ anzima ukuvumela abantu abavela kwamanye amazwe ukuba bangene kwelo ngenxa yokunqongophala komsebenzi. Ngaba wena, abazali bakho okanye abazali babo bazalelwa eNamibia? Ngaba sele usidla umhlalaphantsi okanye akunangxaki yakuzixhasa? Nceda ucingisise ngokufudukela eNamibia ukuze uye kuncedisa apho! Nceda uqhagamshelane neSebe Lenkonzo ukuze ufumane inkcazelo engakumbi.
◼ Kuluvuyo ukunazisa ukuba kutshanje kuye kwanikezelwa iiHolo zoBukumkani ezintsha zala mabandla alishumi alandelayo. EGauteng: lelaseJameson Park (eHeidelberg), nelaseOlivedale (eJohannesburg). KwaZulu-Natal: lelaseDassenhoek West, eDurban-Malvern, Empangeni Central, Ethaleni, eMarianhill West, eShaka’s Kraal, eSundumbli East, nelaseQakwini.