Iimbalasane Zentsimi
Kwinyanga ka-Agasti kuye kwanikelwa ubungqina ngamandla kwintsimi ephantsi kwesebe lethu! Abazalwana noodade abangaphezu kwe-20 000 bebengoovulindlela abangabancedani, ibe kuye kwahanjiswa amaphecana angaphezu kwe-3 000 000. IBotswana iye yafikelela incopho entsha yabavakalisi abayi-2 216, eyamabuyelo ayi-19 762 kunye neyezifundo zeBhayibhile eziyi-4 785. INamibhiya nayo iye yafikelela incopho entsha yabavakalisi abayi-2 422. ISwaziland nayo iye yanencopho entsha yabavakalisi abayi-3 246. Sivuyiswa ngokwenene yincopho entsha yabavakalisi baseMzantsi Afrika abayi-98 775. Sekumbovu ukuba eMzantsi Afrika abavakalisi babeyi-100 000. Ngamana uYehova angakusikelela ukuzimisela kwethu ukuvakalisa iindaba ezilungileyo ezingoBukumkani bakhe ngaphandle kokuyekelela.—IZe. 5:42.